Ubizo olukhuthaza inxaxheba kubarhafi


UKUTHANDA ukusebenza nabantu kwenza u-Xolisa Matthews akhethe usebenza kwa-South African Revenue Services (SARS).


U-Matthews, ohlala e-NU4A, uneminyaka elishumi elinanye eyi-taxpayer educator kwa-SARS.


"Eyonanto yandenza ndakhetha lomsebenzi luthando lokunceda abantu. Ndilala ndincumile maxa onke xandithe ndafundisa uluntu ngokubaluleka kwentlawulo yerhafu. Ndidibana nabantu abaninzi abohlukileyo kulomsebenzi,” utshilo.


"Enye into eyandenza ndakhetha lomsebenzi kukufuna umsebenzi onesidima, ulwazi kunye nomceli-mngeni.”


"Ndisebenza kwiphondo lonke apho ndihamba ndisenza ii-workshops ndifundisa abantu ngomcimbi werhafu,” utshilo.


Ufunde iminyaka emithandathu e-Algoa Collage of Education nase Border Technikon eyaziwa njenge-Walter Sisulu University (WSU) ngoku.


"Ndenze ii-diploma ezimbini,” utshilo.


"Ndakhula ndinqwenela ukuba ngumsasazi wezemidlalo ngenxa yongasekhoyo u-Makhosandile Ndzishe owayesaya kuba ngumsasazi wezemidlalo kwi Radio Xhosa.


Wongeze ngokuba namazwi enkuthazo kubantu abafuna ukulandela ekhondweni lakhe.


"Ubom abululanga, kufuneka umntu anyamezele.


"Imfundo nokuzimisela kwinto oyenzayo zezona zinto zibalulekileyo xa ufuna uphumelela ebomini. Zihloniphe, kunye nabo bakungqungileyo, ingakumbi abantu abadala.”

subscribe