Isitiya sindibuyisele impilo


UKUQALWA yingulo kunyaka ophelileyo kwamenza aqale isitiya, apho atyale khona isipinatshi, ibhitruti kunye namakhaphetshu.


U-Ntombizakhe Nkwinti, wase-NU9 oneminyaka engamashumi amane anesibhozo, uyiqale legadi ngo-March kulonyaka uphelileyo.


"Ndaye ndagula kamandla kwafumaniseka ukuba igazi lam likhala ngezinto eziluhlaza, kulapho ndaye ndaqonda ukuba mandiqale esisitiya.


Umam'Nkwinti uthe: "Nento yokungaphangeli sesinye sezizathu ndaqala esisitiya, ngoba ndandingaz'ukwazi ukuzithengela ezizinto ziluhlaza."


Esisitiya usiqale nzima ngoba wayengenazo izixhobo ezilungele ukusetyenziswa esitiyeni, kodwa waqhubekeka wasenza isitiya.


"Ukuqala kwam ndandixhwitha ingca ngezandla, nange-trofolo, kuba ndisayisebenzisa nangoku. Ndayenza yancinci, naku uyi bona ukuba intle kwaye nomhlaba endityala kuwo mhle kakhulu, ndabona ukuba mandiyongeze.


"Isipinatshi sam sikhula sibesikhulu ndisoyike ngoba kaloku siba side kakhulu," utshilo u-Nkwinti.


Esisitiya sakhe siyakwazi nokumenzela imali yokubeka isonka etafileni.


"Abantu bayeza kum bazokuthenga kuba izinto ezityalwe kulegadi zintle kakhulu, nto leyo ethi indincede ndibeke isonka etafileni,"utshilo u-Nkwinti.


Umam'Nkwinti uye wanikezela nengcebiso ezenza isitiya sibesihle.


"Isitiya sakho sinkcenkceshele kabini ngemini, sifuna ukunakekelwa okomntwana, ukhubone umntwana xa emncinci uyamhlamba kusasa nangokuhlwa, naso ke isitiya sakho kumele wenze njalo kuso.


"Sukusiyeka isitiya sakho side sibe nokhula, ngoba ukuba mna ndihleli nje andenzi nto ndiye ndihambe ndiyosebenza esitiyeni sam, siyathanda ukunonophelwa isitiya," utshilo u-Nkwinti.


subscribe