Iphulo linceda uluntu


I-MASIPHATHISANE Care Centre ne-creche yaqala ngonyaka ka-2003.


Lendawo ivule ingcango ingumbutho ongamkeliyo. I-Masiphathisane yasekwa ngenxa yemo elusizi eRamaphosa.


Umama u-Thomsane Nyondo ngomnye wabaseki abathandathu beliphulo.


"Ukuqala kwethu savula ikhitshi lesuphu. Sasisenzela abo banesifo sephepha. Sasibanika okuya ngaphantsi kwempumlo ukuze bakwazi ukutya amayeza abo. Saphinda sabona ukuba zininzi iinkedama ezithunga ilokishi, savula i-creche. Umtwana ngamnye ukhutshelwa iR10," utshilo.


Iintsana ezingamashumi amathathu anesihlanu zihamba kwi-creche kaMasiphathisane.


Kambe amalungu akaphelelanga apho athe avula iphulo lomsebenzi wezandla.


"Sinawo nomthungo kwakulo mbutho. Sithunga isinxibo sesiXhosa nezinye izinto ukuze sikwazi ukwenza imali. Sinaso nesitiya.


"Xa sisenza isuphu, imifino siyikha kwisitiya sethu."


Izenzo zabo zokuphuhlisa uluntu zichukumise amalungu eRotary Clubs zalapha eBhayi. Phantsi kwephulo elibizwa njenge Tree of Joy, iintsana ezihamba i-creche eMasiphathisane ziza kuphiwa izipho zekrisimesi.


I-Rotary inceda amaphulo asebenzisana nabo bahlelelekileyo nyaka ngamnye.


Ibanomthi eGreenacres ojinga amakhadi abhalwe iminqweno nezidingo zamaphulo – abathengi bakhuthazwe bafezekize iminqweno ebhalwe kulamakhadi.


Abantu banceda abantu abatsha kunye nabadala ngeento ezifana nempahla, izinto zesikolo, kwaye neemfuno ezifana namayeza.


U-Nyondo uthe uncedo abalufumana kwiRotary Club yenye yezinto ezibakhuthazayo. Uthe oluncedo luyababonisa ukuba bakhona abantu abakhathalayo.


"Ixesha elininzi izinto ezifana nezi ziphelela emoyeni, ngenxa yengxaki zemali, kodwa thina sisabambelele."


subscribe