Iindlezana zizama impilo


BANEMINYAKA emithathu baqala ukunceda abantu ekuhlaleni bephantsi kwe-Hospice, kodwa mibini iminyaka besebenza beyi-Non Profit Organisation( NPO) ebizwa nge-Granny Support Outreach.


Eli liqela loomama abamashumi mabini anesithoba, besuka kwiindawo ngeendawo e-Motherwell, bendululwa yimo yabantu abahluphekayo nabagulayo. Bathi badibana necandelo lophuhliso loluntu baze bavula lombutho.


U-Hazel Mofoko okulo mbutho, uthe eyona nto bafuna ukuyenza kukuncedisana norhulumente ukulungiselela abantu abangathathi ntweni nabagulayo.


"Umsebenzi wethu awupheleli nje ekujikelezeni koko siye singene imizi, sithi apho sifumana kukho ogulayo simse kwisebe lezentlalontle, neliye ke lona lidlale eyalo indima," utshilo umama u-Mofoko.


Awuphelelanga apho umsebenzi wabo, ngoba banayo ne-Project abayenzela eskolweni samabanga aphantsi i-Mdengentonga e-NU7, apho baye bathunge, baphothe, benze neentsimbi zesiXhosa ukuncedisana nalombutho wabo.


"Kule mali siyenzayo ngokuthengisa ezi zinto sizithungayo, siye sithabathe inxalenye yayo sithenge isuphu nesiye sityise abantwana besi sikolo sisebenzela kuso. Ingxaki esinayo bubuncinane begumbi esilisebenzisayo," utshilo u-Mafoko. Inkxaso yenye yezinto abazidingayo ukwandisa le-project yabo, kuquka ne-Container abanokusebenzela kuyo.


"Siyatula tula kuba u-Hospice lo sasiphantsi kwakhe waye waphelelwa yimali saze saphantsi kwesebe lezentlalontle. Kubakho amaxesha apho sikhe siphelelwe yimali.


"Kodwa ke asipheli mandla," utshilo u-Mafoko.


Eli qela liyafumaneka e-Mdengentonga kwabo banomnqweno wokuthengelwa okanye ukwenzelwa iintsimbi zesiXhosa. Bayafumaneka ngolwesiThathu kwakunye nangolweSine.


subscribe