Inkuthazo kubafundi


ISIKOLO samabanga aphezulu i-James Jolobe ese NU4B ithathe ikhefu kwiingxaki zokudlakazwa kwesikolo yawonga abafundi.


Lomcimbi wokuwongwa kwabafundi abaphume phambili ezifundweni, kwezemidlalo, ekucocekeni kwamagumbi okufundela, kwinkqubo yokulwa kweziyobisi i-Teenagers Against Drug Abuse (TADA), ububanjwe nge 18 ka April, uzinyaswe ngumhloli wazo zonke izikolo zamabanga aphezulu e-Motherwell u-Manie Lamprecht, ootitshala, abazali kunye nabafundi.


U-Lamprecht ukhuthaze abafundi ukuba bazimisele ezifundweni zabo, wabulela nootitshala ngomsebenzi abawenzayo.


"Kudala ndifunda izinto ezimbi ngezikolo emaphepheni, kodwa ndibulela ootitshala ngomsebenzi abawenzayo nokuthi bafundise nangeMigqibelo nangeeholide,” utshilo.


Wongeze ngelithi abafundi mabangavumeli izimo zezimali zibatyhafise bangayi kwiidyunivesithi.


"Abo bafunda ibanga leshumi [Grade 12] mabakhumbule iphupha labo lokuqhubekeka nezifundo zabo. Umntu angalufumana uncedo ngemali xa efake isicelo [bursary].”


Ophume phambili kwibanga leshumi, u-Mziwoxolo Qaka, uthe unqwenela oogxabakhe benze kakuhle nje ngaye.


"Ndonwabe kakhulu ngokukhethwa nje ngoyena mfundi uphume phambili kwibanga lam.


"Ndinqwenela nabanye abafundi ukuba benze kakuhle kwizifundo zabo,” utshilo.


U-Qaka uwongwe ngezatifiketi ezithathu: ese-Life Orientation 88%, Maths Literacy 67% kunye nese Accounting 62%.


Kwibanga lesithandathu [Grade 8] u-Sinoxolo Zumani ukhethwe njengoyena mfundi uphume phambili. Kwelesixhenxe [Grade 9] ibe ngu-Nelisa Teyise, yaze kwelesithoba [Grade 11] yangu-Ntombekhaya Mabangula ophume phambili.


Iwonga legumbi elicocekileyo lithathwe ngu-Grade 11A. Elokunxiba impahla yesikolo kakuhle lithathwe ngu-Grade 12B.


Inqununu u-Welcome Baskiti uthe uyazingca ngabafundi bakhe, wabakhuthaza ukuba baqhubekeke nokuzimisela.

subscribe