I-Mfesane yenene

Ntombentsha Msutu


ISIKOLO samabanga aphezulu iMfesane e-NU12 sizibone siwelwa ngumqa esandleni ngethuba siwongwa ngezixhobo zokufunda ezixabisa i-R100 000 ngumbutho obizwa nge-The Initiative kunye nenkampani ye-Auditing u-PWC.


Eliqumrhu lithe likwenze oku njengegalelo kuphuculo lwemfudo kwesinye sezikolo ekwingingqi ehlelelekileyo.


Umbutho i-The initiative wasekwa lulutsha lwase-NU12 ngenjongo zokuphuhlisa ulutsha olusuka kwiingingqi ezihlelelekileyo. Ukuseka kwabo lombutho babesenza iimfundiso ezinkonzweni ngesifo ugawulayo, babona ukuba mabayandise i-NPO yabo baqinise kakhulu ekuncedeni ulutsha ezikolweni.


Yona inkampani i-PWC incedisa iingigqi ezihlelekileyo ngokuthi inikezele ngezixhobo zesikolo, uncedo olunenjongo zokuphuhlisa izakhono zabo zoshishino, bakhuthaze nolutsha olusuka kwiingingqi ezihlelekileyo ukuba luyikhuthalele imfundo.


Owaqala lombutho wabantu abatsha u-Sandiswa Adams uthe elicebo lokunceda izikolo laqala ngo 2011. Kunyaka ophelileyo bathabathela kubo uncediswano nesikolo iMfesane njengesinye sezikolo eziludingayo, bambisene no-PWC.


"Ukuqala kwethu sasifuna ukunceda ikakhulu kwizifundo zezibalo. Kwaye sifike apha kuphunyelelwa ngo 26%, kodwa ngoku elozinga linyukile lime ku-56%.


"Singabantu abatsha abanomdla kakhulu ingakumbi xakuthethwa ngemfundo, kwaye sizakumane sisiza sisiza kujonga iziphumo zabo phakathi enyakeni," utshilo u-Adams.


Kubuxhakaxhaka bezixhobo ezigalelwe kwisikolo iMfesane ibe zi-mobile labs ezimbini eziya kuba luncedo ingakumbi kwizifundo zobunzululwazi, i-calculators ezima-140, i-study guides zezibalo ne accounting ezima-702, kunye nezezifundo zobunzululwazi (Physical Science), kuncediswano ingakumbi namabanga elesibhozo, ithoba neshumi.


subscribe