Lombhali uyazidla ngesintu

Ntombentsha Msutu


EMVENI efumene ingozi eyamshiya engakwazi usebenzisa isandla sakhe esinye, wagqiba ekubeni makabhale incwadi yemibongo.


Lo ngu-Sivuyile Micheal Qeqe osandokhupha incwadi yemibongo yesiXhosa ebizwa Umthombo Wengqingqo enemibongo engamashumi amathathu anesithandathu.


"Ndisakhula ndandinetshomi. Sasisaziwa kakhulu ngopantsula sithanda kakhulu ukujayiva. Ngo-1990 ndafumana ingozi eyandishiya ndingakwazi usebenzisa isandla sam kunye nenyawo.


"Ngo-1996 ndaye ndayofunda kwisikolo sabantu abakhubazekileyo, kulapho ndaye ndadibana netshomi yam eyayingumbhali eyayithanda kakhulu ukubhala imibongo," uthsilo u-Qeqe.


Kulapho umdla ka-Qeqe wokubhala nokuthanda isiXhosa waye wakhula, wamane eyobukela iimbongi.


"Ndaye ndanomdla ndamane ndicela umhlobo wam ukuba makamane endibhalela imibongo, kulapho nam ndaye ndafunda kuye ukubhala," utshilo.


Wongeze ngelithi lombhali wemibongo: "Ngo-1997 ndaye ndaqala ukubhala incwadi yam, ndamane ndibhala ngemini ezithile. Ndithanda ukubhala kakhulu xakukho lonto indichukumisileyo, ndibhala ngayo yonke into eyenzekayo ebomini bam."


Lencwadi inemibongo eyahlukeneyo yesintu enezihloko ngezihloko ethi Ukuphuma kwelanga, Umona, Unyaka omtsha, Inxeba lendoda kunye nenkohlakalo.


"Lencwadi iphume ngonyaka ka-2011, okwangoku isafumaneka apha kum umntu onomdla ukuzithenga anganditsalela umnxeba ku-073-580-7104."


U-Qeqe kunye nogxa wakhe u-Phumelelo Mehlo nokwangumbhali wesiXhosa, bakwaqale neqela labantu abanomdla kwizinto zesintu, imibongo, imixhentso, kunye nababhali, bangavuya kakhulu ba kunobakho abantu abanomdla abafuna ubakweli qela labo.

subscribe