Bahlaziye ubizo lwabo abongikazi eM'well

Ntombentsha Msutu


ABONGIKAZI beziko lempilo i-Motherwell Health Centre babhiyozele usuku lwabongikazi kwizwe lonke ngo lweSihlanu womhla we17 kulenyanga sikuyo, kwinkonzo esisikhumbuzo kubo ngendlela obaluleke ngayo umsebenzi wabo, naphantsi kweemeko ezimfiliba.


Ngolusuku, bazikhumbuze bezikhuthaza ngelithi kufanele baqhubeke ngokubaluncedo eluntwini nanjengoko abantu ngunganzima ukuphila ngaphandle kwenkozo yabongikazi bempilo.


Owangemele inkonzo yabongikazi kwesisibhedlele u-Nomvuyo Kosana, uthe bengamanesi badinga imini ezinje ukuze bazikhumbuze ngesizeka-bani senkonzo yabo.


"Siyazama silubhiyozele olusuku, kuba lubaluleke kakhulu emanesini, nanjengoko kukhe ngamathuba athile apha ekuphangeleni kwethu siye sicinge nangokunikezela, ngoba luninzi utshintsho olwenzekayo, sifune ukunikezela. Iiintsuku ezinje zisikhumbuza ukubaluleka komsebenzi wethu.


"Lusikhumbuza nangokubaluleka kwethu eluntwini. Umsebenzi wam undifundise ukuba mandibazi abantu kwaye ndibathande, ndimsizele umntu xa esezintlungwini kwaye ndimncede," utshilo umama u-Kosana.

subscribe