ABAFUNDI nabazali bayinyusel' amadolo phezulu imfundo yabantwana babo eloko kuphinde kwaqaliswa ukususwa kootishala apho babaninzi khona, ukuya apho kukho izikhewu khona.

Njengoko simana sibona, sisiva ukuba izikolo ziyavalwa – hayi ngokusesikweni, kodwa ngenxa yokukruquka kwabazali ngokungafundiswa kwabantwana babo.

Isebe lezemfundo lime ngelithi inani labafundi liye lisehla kwizikolo ezithile, into eyenza kudingeke ootishala abambalwa kuzo.

Oko kuza kunceda ekwaluleni ingxowa-mali yesebe kuba kuqeshwa ootishala bethutyana kwizikhewu ezikhoyo kwezinye izikolo, ngelixa kukho abalinani elingaphezulu kwezinye.

Bathi oko kubabetha epokothweni.

Nangona sivakala isizathu sesebe lezemfundo sokuba kwabiwe ootishala ngokunxulumene namanani ezikolweni, indlela abenza ngayo ayiginyisi mathe kuba ishiya izikhewu ngokwemfundiso.

Ngapha kwewaka labazali, abafundi noluntu jikelele eTinara beluqhankqalaza kwisebe lemfundo lesithili seTinara kule nyanga, bekhala ngokungabikho kootishala.

Baninzi nabanye ngaphambili eselekhe benza ngokufanayo.

Abanye bakhala ngokuba nangona ootishala bonele ngokwenani, kukho izikhewu kwizifundo ezibalulekileyo njenge accounting, i-maths ne-physics.

Ixhala lelokuba ixesha liyahamba abantwana bengafundi, nootishala bengafundisi nakakuhle ngenxa yoxhalabela misebenzi yabo.

Isebe mlilungise le ngxaki kuba ixesha lokufunda lisetyenziswa ekuqhankqalazeni.

Xa kufika ixesha leemviwo nokukhululwa kweziphumo, akuzi kwaziwa ukuba bekonakele phi. Ixesha elilahlekileyo lifana nje namanzi achitheke emhlabeni.

Isizwe siyaphela ke sona ngalo mzuzu.

Loading ...
Loading ...