UKUNQONGOPHALA komsebenzi kuko okwenza u-Nomfuneko Layiti aqalise ukulima.

U–Layiti, 54, wase-NU11 uqale ukulima ngonyaka ka-2001 kuba wayengena mali yokuthenga iziqhamo ezivenkileni.

"Xa ndifuna ukupheka ndikha kwalapha esitiyeni ndipheke – andiyenzi into yokuya kuthenga izityalo evenkileni.

"Ndabona ukuba umhlaba wesitiya sam mhle kwaye zingaphuma zizihle izityalo,” utshilo u-Layiti.

Wongeze ngelithi ukuncance ebeleni ukulima.

"Ukulima ndikhule ngako. Ndikhulele e-Qonce kwilali yase Tyhatha. Ndakufunda kumama ukulima kuba ndikhule ekuthanda kakhulu. Ndikhumbula ndisengumntwana sisiya emasimini.

"Ndingatsho ndithi ukutyala ndakuncanca ebeleni .

"Wonke umntu okhule ngelaxesha sasikhula ngalo uyayazi amasimi yayiyinto esakhulela kuyo,” utshilo u-Layiti.

U-Layiti – olima ispinatshi, iimbotyi kunye namatswele – uthe wazama wancama ukufundisa abantwana bakhe abane ngoku baluleka kokulima.

"Zange bayithathele ntweni lonto, kuba becinga okokuba into yokutyala negadi zizinto zakudala kodwa baye bazitye eziziqhamo [zam].

"Mnye umntwana ongathi uyazithanda into ezidibene nokutyala kubantwana bam yintombi yam enkulu u-Nomalungisa. Abanye bonqena kwa ukucoca iyadi le,” utshilo.

Ubenawo namazwi engcebiso kubantu abafuna ukulima.

"Qinisekisa ukuba umhlaba olima kuwo ukulungele ukulima. Nkcenkceshela kabini ngemini kusasa nange njikalanga.

"Igadi iyathanda ukukhathelelwa nokujongwa – izityalo zakho asoze zikhule zibhekele phambili ukuba awuyihoyanga,” utshilo u-Layiti.
Loading ...
Loading ...