AMAXESHA amaninzi abantu abadala abafumani nkathalo, kodwa i-Eluyolweni Service Centre e-NU4 yenza konke okusemandleni ukubonwabisa.

Lendawo yavulwa ngo-1995 ineenjongo zokukhathalela abadala – ukuqala kumashumi amathandandu ukunyuka.

"Abagula kakhulu sibahambela emakhaya siyokubavasa, ngelixa abasakwaziyo ukuzihambela besiza apha bazokuchitha imini [noontanga babo].

"Sijonga amayeza abo, sibafundise indlela yokuwasebenzisa,” utshilo omnye umongi kwabathathu u-Noncedo Manene.

Omnye umongi, u-Sindiswa Gege, uthe luthando lwakhe lwabantu abadala obamenza abe ngumongi.

"Kubamnandi ukubabona xa bebonke bencokola. Bakhe baphumle nakwiingxaki zasemakhaya xa belapha,” utshilo.

Rhoqo emva kweenyanga ezintathu i-Eluyolweni ifumana ukudla kwisebe likarhulumente lophuhliso loluntu.

Omnye wabantu abadala kulendawo, u-Thozama Lunguza onamashumi asixhenxe anesihlanu iminyaka, uthe kumnandi ukuhlala nabanye abantu abadala.

"Ixesha lethu silichitha ngokwenza umsebenzi wezandla. Siyakhutshwa ke apha sisiwe elwandle apho sojelwa [inyama] khona,” utshilo u-Lunguza.

U-Manene uthe banazo iingxaki abajongene nazo kweliziko labo.

"Asinayo inqwelo yokuhambisa abagulayo abagulayo emakhaya. Sihamba nokuba kuyanetha. Ingase sifumane ne-container apho bangamane behlanganela khona abangakwaziyo ukuza apha.

"Bangaphezulu ko-400 abantu esisebenza nabo.

"Wonke umntu ongaphezulu kweminyaka eyi-60 wamkelekile, nokuba akaguli. Umntu xa efika ukhupha i-R10, ze akhuphe i-R6 rhoqo ngenyanga, ukukhawulelana neendleko.”

Lendawo ivula iintsuku ezintlanu evekini, kodwa abantu abadala babakho ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesithathu ukusuka ngentsimbi yeshumi kusasa ukuya ngeyesithathu ngenjikalanga.
Loading ...
Loading ...