ILEQIWE yahamba intloko yezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni, u-Modidima Mannya, emva kweenyanga zempikiswano phakathi kwakhe, umbutho wootishala i-Sadtu kunye nabaphathi besebe lezemfundo eMzantsi Afrika.

Oku kwenzeka kwisithuba seenyanga emva kokuba i-Sadtu namalungu ayo azibandakanya kuqhankqalazo lwe go-slow ekuqaleni konyaka, babethelela nento ebabeyibiza ngokuba y i "Operation Mleq’ ahambe”, apho babezimisele ukususa lo ka-Mannya esihlalweni.

U-Mannya bengqingqwa kulombutho ngokuba ebezimisele ukungavi ngawo, kwaye efuna ukulungisa ukuqeshwa kootishala nokusasazwa kwabo (redeployment) jikelele.

I-Sadtu ibiyilwa ngakumbi into yokususwa kootishala apho baninzi khona, kuba lonto ibizakuthetha into yokuba bekungazokubakho mfuno yotishala bethutyana.

U-Mannya wazixelela ukuba akazokuva ngombutho owayesithi uncedisa ekwandiseni iingxaki kwisebe lemfundo ephondweni.

Nangona uhambo lwakhe luvuyise abantu abaninzi, alubabotisanga abo bebembona njengosebenzayo ekuzameni ukulungisa isimo sezemfundo ephondweni.

Ilungu lepalamente u-Edmund van Vuuren, omele ezemfundo kwiqela eliphikisayo i-DA ephondweni, uthe uhambo laka Mannya lungabuyisela emva iinzame zokulungisa imeko ebolileyo yesebe.

"I-Sadtu ide yaphumelela ekukhupheni u-Mannya esihlalweni sakhe, kwaye siyi-DA siva kakubi ngalonto,” utshilo.

"Amanyathelo asele ethatyathiwe ekuzameni ukulungisa imeko yesebe azakuma ngoku.”

Uthe amanyathelo athatyathiweyo oko wangenayo u-Mannya esihlalweni ngoNovemba ka-2010 ngala:

Ukugcwaliswa kwendawo zengqesho ezivulekileyo ngokufaka ootishala bethutyana kwakunye nokususwa kootishala apho baninzi khona bethunelwa apho banqongophele khona;

Ukuhlolwa kootishala emagumbini okufundela, kujongwa ukuba ukho ngokwenene na umahluko ezifundweni zabafundi; kunye

Nokurhoxiswa kwabasemagunyeni ekuxhaphazeni imali ka rhulumente ngokushishina nesebe.

Uhambo luka Mannya lushiye abaninzi bezibuza ukuba u-Mthunywa Ngonzo – ozakungena ezihlangwini zaka-Mannya – uzakukwazi na ukumelana nombutho obonakala ezimisele ukuphatha isebe ngesixhanti?

Sizakukhe sibone kwinyanga ezilandelayo.

Loading ...
Loading ...