UCEBA wase-Ward 57 uncede iintsapho eziye zatshelwa ngamabobosi ngomvulo umhla we-12 ka-November.

Unobangela walo mlilo awaziwa, kwaye akukhange kubekho mntu wonzakeleyo.

Uceba u-Thembile Nkosiyaphantsi uzame ngako konke okusemandleni akhe ukunceda iintsapho eziye zachatshazelwa ngumlilo zaphulukana namakhaya azo.

"Sizamile ukubiza iiloli zomlilo ezimbini kodwa, zafika zingenamanzi. Endiye ndakwenza njengoceba kukuya kudibana nabakwa-Disaster Management balapha eBhayi, kunye nabakwa Red Cross, baze banikezela ngoomatrasi abalishumi kunye neengubo ezilishumi elinesihlanu.

"Saphinda sancedwa nangu Red Cross ngokutya okunjenge migubo, isepha, umngqusho, kunye no-mealie meal. Eyona ngxaki bajongene nayo ngoku kukungabi nazindlu ngoba abavumelekanga ukuba bangaphinda bakhe kulandawo," utshilo uNkosiyaphantsi.

Omnye wabahlali abachaphazelekileyo uLuleka Nyarashe wase NU8 uvakalise umbulelo ongazenzisiyo ngesenzo esihle abasenzelwe nguceba wabo.

"Ndiyabulela kakhulu kuceba, ngoba nezi asinike zona besingenazo, amakhaya ethu atshile, kwaye sishiyeke singenanto, sihamba sihlala.Kuluvuyo kuthi ukwazi ukuba uceba wethu usikhathelele.

"Kuba luchulumanco kuthi ukubona ukuba ooceba bayakhathala ngathi, kwaye abahlelanga nje, bazijongile izinto ezenzeka ekuhlaleni. Ndifuna ukuthi kuceba nakwabanye aqhubekeke enje njalo,"utshilo u-Nyarashe.

Loading ...
Loading ...