NANGONA i-Nomzamo Home Based Care Centre yase NU4 ineengxaki zemali, uthando lokunceda abantu luyintsika yeliziko.

I-Nomzamo yasekwa ngo 2003, inamalungu ayi 34, kodwa ngoku inamalungu alishumi kuba amanye amane ukuyeka ngokuyeka, amanye afumana imisebenzi.

"Saqeqeshwa e-Motherwell Health Centre iintsuku eziyi 59,” utshilo umququzeleli weliphulo (project manager) u-Nonkululeko Snyman.

"Sayivula lendawo kuba sibona ukuba kugcwala kakhulu e-clinic.”

Eliziko ikakhulu lijongene nokunceda iinkedama, kodwa nabantu abanesifo sikagawulayo bayalufumana uncedo.

"Sihamba singena emizini. Abanye bayazizela, ngilixa abanye bethunyelwa kuthi sisibhedlele nangu ceba wethu u-Friday Frans.

"Abafuna isibonelelo siye sibathumele kwa-Social Development.

"Abanogawulayo sibathumela esibhedlele, futhi sibakhuthaze ukuba bangene kwiqela lenkxaso.

"Abahlukunyezwayo sibathumela emapoliseni nakwa FAMSA [Family and Marriage Association of South Africa].”

I-Nomzamo ine soup kitchen ezine e-NU4, NU9, NU10 kunye nase Health Centre.

Nangona bengahlawulwa ngalomsebenzi bawenzayo, u-Social Development uyababonelela ngesixa.

"Sinikwa i-R600 ngenyanga, kodwa sagqibela ngo-September ukuyifumana.

"Simane sithatha emakhaya ukutya, kodwa nathi asithathi ntweni. Sinayo negadi esincedisa ngayo ukutyisa abantu,” utshilo u-Snyman.

Uthe badinga uncedo.

"Sicela osomashishini kunye nabani na onokusincedisa ngokutya kunye neempahla zabantwana.”

Nabani na onokufaka inxaso kweliziko angatsalela u-Snyman ku 082-727-4602.
Loading ...
Loading ...