NGETHUBA oontanga baka Luvuyo Mehlwana abangaphangeliyo behleli emakhaya bekhalazela urhulumente ongabenzelinto, yena uthathele ikamva lakhe ezandleni zakhe.

U-Mehlwana, 24, ohlala e-NU8, uyintatheli, umthathi weefoto, aphinde abe ngumsasazi.

Uthe izifundo zakhe uzenze e-Intec College nase Media Workshop.

"Ndikhule kwikhaya elinomdla kwindaba ezidl’ umzi [current affairs] . Bendisithi nokuba ndifuna ukubukela inkqubo ehlekisayo [comedy], kube kubukelwe iindaba, okanye kumanyelwe u-Apha Naphaya,” utshilo u-Mehlwana.

"Ndawuqala lomsebenzi ndiwenzayo ekuqaleni kuka 2010.

"Kwakunzima kakhulu ekuqaleni, ndingenayo ne-computer, ne-camera - kodwa ndinazo ngoku.

"Izinto endizibhalileyo neefoto endizithathileyo ndizisa emaphepheni alapha eBhayi.

"Ndisaceba ukuvula inkampani yam, kodwa andifuni ukukhwaza ndingekaphumi ehlathini,” utshilo.

UMehlwana ukwanguye nomsasazi wezemidlalo kwinkqubo yasekuseni i-Morning Express (Khwela-Khwela Sowubhatele) kwisikhululo i-EHFM, ukusuka ngentsimbi yesithandathu ukuya kwe yethoba.

"Ubuchule ebomini kuku nyamezela, uzibekele ixesha ecaleni lokufumana into oyifunayo, [kwaye] uzixelele ukuba awusayikungxama.”
Loading ...
Loading ...