NANGONA waye namaphupha neminqweno yokuba ngumdlali webhola ekhatywayo, u-Simphiwe Tsewu uphele exelenga ngombane.

U-Tsewu, ohlala e-NU9 uneminyaka emashumi mahlanu ananye, kwaye uneminyaka emashumi mathathu esebenza ngombane.

Wathi xa eminyaka imashumi amabini wathatyathelwa phantsi kwekhwapha yinkampani i-Intercontinental Electrical eyayi phantsi komasipala, ngenxa yesakhono kuye.

"Kulapho uthando lwam lokusebenza ngombane lwavela khona. Mhla ndiqala ukusebenzela lenkampani ngo1981," utshilo u-Tsewu.

Ngo1995 uthatyathwe ngumasipala waya kufunda banzi ngombane e-East Cape Training Centre.

"Ndifunde unyaka omnye qha kwabonwa ukuba ndazi yonke into bandinika isatifiketi.

"Ngo1994 ndiye ndasebenza phantsi komasipala, apho ndiye ndahamba ndifakela umbane e-Motherwell, Kwazakhele, nase-Noxolo," utshilo u-Tsewu.

Akaphelelanga apho. Uye waxelenga kwinkampani i-Port Elizabeth Electrical Association ukusuka ngo-1994 de ngo-2002.

Kuthe kwakuphela lowo umsebenzi wazimela ngenkqayi elangeni.

"Kuye kubengcono xa unenkampani yakho esemthethweni eyaziwayo ngabantu. Uye ukwazi ukwenza imali eninzi," utshili u-Tsewu.

"Abantu abaninzi bafuna wenze umsebenzi omhle, kodwa baye bakusokolise xa kufuneka behlawule. Kuyo yonke lonto ndiyawuthanda lomsebenzi ndiwenzayo," wongeze ngelitsho u-Tsewu.
Loading ...
Loading ...