ISIKOLO samabanga aphantsi i-Zanoxolo ese-NU1 sizibone siwelwa ngumqa esandleni ngelixa sifumana isipho semali kwibanki u-Absa.

Sithe xasi bhiyozela usuku lwezithethe, amasiko nenkcubeko, salizwa ngemali ephuma ku-Absa emalunga ne-R7932.50.

Inqununu u-Thembeka Veto uvakalise imincili ngesisenzo sihle senziwe ngu-Absa.

"Apha esikolweni sinesitiya esasenza kwiminyaka emine eyadlulayo, sisenzela abantwana abahlelekileyo, abangenabazali nabangathathi ntweni.

U-Veto uthe: "U-Absa usinike lemali wasipha nezinto zokutyala, imbewu kunye netanki zamanzi zokunkcenkceshela, kwaye ndiziva ndonwabe kakhulu."

Lemini ayiphelelanga nje apho kuphela, i-Zanoxolo iye yalima izitiya ezingezinye, incediswa ngabasebenzi baka-Absa.

"Eziziqhamo zikwesisitiya ziye zibeluncedo kubantwana esibaphekelayo,"utshilo u-Veto.

Loading ...
Loading ...