Ntombentsha Msutu

ISIKOLO samabanga aphantsi sase-NU1 i-Mboniselo siwelwe ngumqa esandleni ngexa siphumelela iikhompyutha ezingamashumi amabini anesine kukhuphiswano olubakho minyaka le lwe-5km kunye ne-10km Fun Run yom-Mhlobo Wenene.

Olukhuphiswano lubanjelwa e-Summertrand e-Kings Beach minyaka le, lungenelwa ziimbaleki ezisakhasayo ngokunjalo neencutshe. Olukhuphiswano lukwanika neezikolo ezisuka kwiindawo ezihlelekileyo ithuba lokungenela. Isikolo esithumele abafundi abaliqela siye sifumane isipho esisuka kubaququzeleli bolukhuphiswano.

U-Mhlobo Wenene FM ebambisene nombutho omdala wembaleki walapha e-Bhayi i-Correctional Services Athletics Club ngaba ququzeleli balomnyhadala.

Utitshala wezemidlalo wase-Mboniselo, u-Mncedisi Luphondwana, uthe ithuba lokungenela olukhuphiswano kwanempumelelo kuzise uvuyo kwesisikolo.

"Siyavuya kakhulu ukuba siye saphumelela. Siye sangenelela ngabantwana abamakhulu amane, saze safumana iimbasa ezingamakhulu amabini, ngokunjalo neekompiyuta ezingamashumi amabini anesine."

U-Mhlobo Wenene FM uzakubamba umsitho wokunikezela ezikompiyuta kwi-Mboniselo ngokusesikweni kwiinyanga ezizayo.

Loading ...
Loading ...