UKUSEBENZISA isitulo sabangakwazi ukuhamba akumenzanga azisizele, koko kumenze wangoyena DJ waziwayo e-Motherwell.

Lowo ngu-Mzukisi Makisi, ominyaka emashumi amathathu anesithoba.Uqale ukuwuthanda umculo ngonyaka ka-1999. U-Makisi uhlala e-NU6.

"Ndiqale ukuzibona ukuba ndiyakuthanda ukuba ngu DJ ndifunda ibanga leshumi, ndimane ndidlala nje esikwerini, ndikwaphuhlisa nemvumi ze hip-hop ezazifika ngelaxesha," utshilo u-Makisi.

Kuhambe iminyaka, waze ngo-2005 wangenela ukhuphiswano i-Battle of the DJ's.

Olukhuphiswano lwaluphantsi ko-SABC lungenelwa ngabo bonke o-DJ kweli lase Bhayi. Kulapho waqatshelwa ngesakhono, waliphumelela ukhuphiswano.

"Kolukhuphiswano ndafumana amawaka amahlanu (erandi), ndathenga ubuxhakaxhaka," utshilo.

Ngo-2006 wasungula inkampani phantsi kwe-Motherwell with Change Entertainment.

Akaphelelanga apho, uvule isikolo so-DJ .

"Ndithathe esisiphiwo ndinaso ndasigqithisela kubantwana abasakhulayo, abanomnqweno wokuba ngo DJ bangomso."

Udijeye kwindawo ezininzi apha eBhayi ezifana ne-News Cafe, Zanzibar, Spotted Cow, kwakunye ne-Captain's.

Ukonzakala kwakhe ngo-1994 ngexa wayesenza ibanga leshumi zange kumenze azisizele, waye wacinga ukuba angenza ntoni .

"Ndenza izinto ezininzi andiphelelanga ekudijeyeni, ndifundele i-IT. Ekuyigqibeni kwam khange ndiwufuman' umsebenzi.

"Ndayokwenza i-Jewellery Art e-MSC College, nalapho ndavula inkampani ndisenza intsimbi neminye imisebenzi yezandla.

"Kuyoyonke lento ndikwanguye notata wentombi eneminyaka emine, ndizamela mna nomntwana wam,"utshilo u-Makisi.

Loading ...
Loading ...