UYAKUTHANDA kakhulu ukubhala, kodwa ngoku usebenza njengonogada. Owona mnqweno anawo kukukhupha incwadi kwezi sele ezibhalile zintathu.

Lo nguPhumelele Mehlo ohlala eNU8 oneminqweno namaphupha okuba ngumbhali weencwadi zesixhosa owaziwayo.

"Ndikhulele eRhini nalapho amabanga aphantsi naphezulu ndiwenze khona. Ndazibona ukuba ndiyakuthanda ukubhala ndisenza ibanga lesine, ndandithanda ukubhala amabali amafutshane nemibongo," utshilo u-Mehlo.

"Ndandithanda naxa siphume nesikolo, ndibhale ibalana elifutshane ngalonto, ndaziqaphela apho ukuba ndinothando lokubhala amabali amafutshane," utshilo u-Mehlo.

Emveni kwamabanga akhe aphezulu uye waya kufundela ukuba ngumabhalane kwisikolo ekuthiwa yi-GADRA e-Rhini.

"Nangona ndikufundele ukuba ngumabhalane, ndisokola ukufumana i-Publisher.

"Kodwa ke naleyo into ayindenzi ndityhafe ndilincame iphupha lam, ndisabhala ndithetha nje ndibhala incwadi yam yesine," utshilo uMehlo.

Indlela akuthanda ngayo ukubhala, ubhala nangantonina eqhubekayo ebomini bakhe,nezinto aye ahlangabezane nazo apha ekuhamba hambeni.

"Ndiye ndibhale naphina apho ndiye ndacinga khona isihloko, noba ndisemsebenzini ngamanye amaxesha, ndisoloko ndino siba nencwadi ndibhale," utshilo u-Mehlo.

Iincwadi asele ezibhalile ngu-'Itshu kamakhulu', 'Ingaba ndiyaphupha' neye mibongo ethi 'Tshotsh'ufe'.

"Kwezi ncwadi zintathu ndizibhalileyo ndaye ndazama ukuzikhupha kodwa naleyo ayizange iphumelele ndawo, ndaya kwi-Qula publishers, incwadi endandi zibhalile zasiwa kwi-Language laboratory yase-Walter Sisulu University, kodwa emveni kwexesha ndafumanisa ukuba i-Qula Publisher lawa," utshilo uMehlo.

"Kuzo zonke ezinzame zingaka endizenzileyo zingaphumeleli, andipheli mandla. Ndaye ndangenela ukukhuphiswano lonobhala ngo 2007 ku-Mhlobo Wenene, apho ndathi ndawa kumjikelo wesibini. Minyaka le ndiye ndingenelele."

Loading ...
Loading ...