Ntomentsha Msutu

ISIKOLO i-Motherwell High e-NU7 sizimisele kumlo neziyobisi nokunceda abantwana besikolo bahlukane nokusebezisa iziyobisi, ngenjong zokubabaziphathe kakuhle.

Oku kuvel'elubala xa esisikolo besibhiyozela imini yenkululeko, nangathuba elo siye saseka iqela lophuhliso-xolo neliya kuncedisana nezame zokulwa neziyobisi, kunye nokutshitshisa ubundlobongela ezikolweni.

Eliqela labafundi lisebenzisana nenye yetitshalakazi u- Tyebela Ncumisa nokwa ngu mququzeleli weliqela.

"Asisebenzi sodwa sisiskolo. Sibambisene kunye no-Teenage Against Drug Abuse (TADA). Ngoba siyi-Safety School siye sabona ukuba masiseke eliqela emva kokubona ukusetyenziswa kweziyobisi ngabantwana besikolo iyenye yezinto eziyingxaki, futhi bangazihloniphi neetitshala zabo.

"Enye into esiyijongayo kukungena kwezixhobo (eziyingozi) esikolweni sethu ezifana nemipu kunye neemela. Ezo zinto azivulekanga esikolweni," utshilo umama u-Tyebela.

Ngenxa yokuba besebenza nabafundi, eliqelalizama ukuba benze izinto ezizakwenza umdla kubafundi. .

"Siye senze imidlalo yeqonga enemfundiso malunga nobungozi bokusebenzisa iziyobisi. Sibanawo namaphulo okwandis'ulwazi aomyalezo nemfundiso ngezinto ezibuhlungu ezenziwa ebantwini ngabantu abasebenzisa iziyobisi. Abanye baye badlwengulwe bahlale nezonto bangazixeli.

"Nakumagumbini ethu okufundela sibanazo ne-posters ezifundisa ngobungozi beziyobisi kwingqondo yomntu, ngoba kaloku siye sifumanise ukuba abantu abasebenzisa iziyobisi abacingisisisi. Sibane nentlanganiso qho ngoLwesithathu sixoxe ngenkqubela yeliqela," utshilo u-mama u-Tyebela.

Loading ...
Loading ...