EMVENI kweminyaka emashumi enesixhenkxe yasekwayo lesekethe yenkonzo yase Afrika yagqiba ekubeni ibenomsitho welitye elicacisayo ukuba bayicawa yaphi.

Letyalike iseNU1 iphantsi komfunsisi u-Mziwethu Moderator Vakala, no George Mokabo, iwenze lomsitho wokutyhilwa kweli litye ngecawa umhla we-21 ka-October.

"Icawe yethu ineminyaka noko ebalekayo yohlukanayo nebandla laKwazakhele. Saziqalela elethu ibandla apha e-Motherwell. Sibone ukuba masityhile eli litye lichazayo ukuba kwenziwa ntoni kwesisakhiwo, kwaye siphantsi komfundisi ongubani.

"Sinabafundisi abaninzi abasuka apha kwiminyaka eyadlulayo kungekho litye lichazayo, kodwa ndithe ndakungena apha ndabona ukuba ingalicebo elihle ukuba ndinokutyhila elilitye," utshilo umfundisi u-Mokabo.

Wongeze ngelithi enye yezinto ebangele ukuba benze lomsitho wolutyhilo litye kukuba abantu babone ukuba yeyiphi lecwa.

"Abantu bebenento yokulahleka xa besiza apha kuba kaloku bebengakwazi ukubona ukuba yeyiphi lenkonzo kuba ibe isisakhiwo nje esizimeleyo.

Elilitye likwanalo negama lomfundisi owaye kule cawa kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, u- Rev S.K.Yanta.

"Ukuba unokuqaphela kweli litye ungabona ukuba linawo nombhalo womnye owaye sakuba ngumfundisi kulecawe yase Afrika, owahlala iminyaka emihlanu, " utshilo uMokabo.

Loading ...
Loading ...