Ntomentsha Msutu

BAYINTSAPHO eluqilima, ethanda kakhulu ukucula ingoma zesintu, ukuhlala ndawonye amaxesha amaninzi, kwakunye nomxhentso wesintu, Bafike e-Motherwell ngonyaka ka 1996, besuka e-Soweto.

Olu lusapho lakwa Layiti oluhlala e-NU11, lumalungu amane angu-mama wabo u-Nomfuneko Layiti, u ntombi u-Wendy, indodana u-Masixole kwa kunye nomzukulwan u-Asenathi .

"Siyintsapho ezithandela isintu. Xa sihleli kunye sihlala sicule, de umntu omameleyo acinge ukuba sibaninzi kanti sithi sodwa. Ndiyayithanda nento yokuba abantwana bam bazazi imvelaphi yabo, ngoba nam ndikhule ndizazi ukuba ndingubani waphi,"utshilo umama u-Nomfuneko.

Olusapho luthanda kakhulu ukuhlala lundawonye, umama wabo abaxoxele ngobomi bakudala, nangezithethe zakwaXhosa.

"Abantwana bam bayawathanda kakhulu amabali amandulo, yiyo lonto ndiye ndibahlalise phantsi, ukubaxoxela ngentsukaphi yabo, nalapho mna ndisuka khona, nangendlela endikhuliswe ngayo," utshilo u-Nomfuneko.

Olusapho luyathanda kakhulu uhlala lonke luncokole nangantonina olufuna ukuxoxa ngayo, kwaye bayayithanda kakhulu imvisiswano endlini. "Sithanda ukuxoxa ngezinto ezidla umzi, ingxaki esiye sihlangabezane nazo ebomini sicebisane ngazo.

"Imfundiso endiba fundisa yona kukuba mababe ngabantwana abanembeko kakhulu, ngoba imbeko ngundoqo emntwini, bamazi umntu ukuba ngumntu ngabanye abantu.

"Enye into ebalulekileyo kukuba, bamazi umntu bamthande njengomntu wosapho lwabo, babelane nabantu abangathathi ntweni. Ukuthanda abantu kunye nembeko ziya kubasa kude kakhulu," utshilo u-Nomfuneko.

Loading ...
Loading ...