UBUCHWELI akazange wabufundela ndawo kodwa sithetha nje, wazi ukwenza izinto ezininzi ngezandla zakhe kwaye unomnqweno wokuba angaze avule ishishini azithengise ngenye imini.

Utata uMzamo Jeffrey Pikoli wase NU2, ominyaka emashumi amahlanu anesibhozo, uqale ukwenza lomsebenzi kunyaka ophelileyo, ngexa waye wandisa indlu yakhe wabona ukuba ayinampahla waze wacinga ukuba angenza njani ukuyihombisa.

"Ukuqala kwam ndenza izibane ezimbini ndizenza ngeentsimbi, emveni koko ndenza i-Jet nebhaloni ndizenza ngamaplanga, ndaze ndenza iAirport kunye nenkampi yamajoni. Zange ndiphinde ndiyeke ukusebenza ngezandla.

"Zininzi izinto endizenzileyo ngezi zandla kodwa oko ndaqalayo azikho ninzi endizithengisileyo," utshilo utata u-Pikoli.

Akaphelelanga nje apho uye waqhubeka esenza iindlela, neendawo azibonileyo apha aye ahambele kuzo.

"Ndikhumbula ndiye eGoli ndabona ibhasi yalapho, ndabuya apha eBhayi ndayenza kunye nesitishi sayo apho abantu bakhwelela khona,"utshilo u-Pikoli.

"Nangona abantu baye bangabonakalisi mdla wokuzithenga izinto zika tata u-Pikoli, kodwa yena unethemba ukuba umnqweno wakhe uyakuze ufezeke.

"Umnqweno wam kukuvula ishishini kunye nomntu onazo izixhobo ezoneleyo zokusebenza, utshilo.
Loading ...
Loading ...