Ntombentsha Msutu

ISIKOLO samabanga aphezulu esise NU10 i-Ncedo sizidla nge-computers abaye baziphumelela kukhuphiswano lwebhola ekhatywayo kunyaka ophelileyo.

Ezi-computers zimashumi amabini anesithathu kambe ziselinani eliphantsi kuba abantwana besikolo baninzi kwaye kubanzima ukuba mabonele bonke.

"Iba yingxaki ithuba elininzi, ngoba kaloku ezi-computer zimbalwa, kwaye abantwana bebanga ngalinye bayakwazi ukuba ngamashumi amathathu, yenze lonto singoneli," utshilo omnye wotitshala besisikolo u-Guy Ntamo.

"Kolukhuphiswano salungengenelayo, sazibetha zonke izikolo zalapha e-Motherwell, sadlula sayodlala elokishini nalapho saphumelela, nekwathi emva koko saya eMatatiele, usuka kwethu apho sayo kudlala e-Gauteng apho saye saphumelela imali engange R500 000 esuka ku-Patrice Motsepe.

Lomali abazange bayinikwe izinkozo esandleni, koko kwaye kwathiwa mabachaze imfuno zesikolo ngalemali bayiphumelelayo.

"Isikolo saye sacinga ukuba asinayo i-Computer lab, saze sathengelwa i-computers ezi, ngeshiyekileyo, sathenga ibhasi encinci ukuze abantwana abadlala ibhola ekhatywayo bangasokoli ukuhamba," utshilo u-Ntamo.

Nangona ezi-computer ziza kuba luncedo kubo, zikhona ingxakana abahlangabezana nazo ezifana nokuqhekezelwa.

"Ngexa zazifakwa yinkampani ekuthiwa yi-Nzuzu IT, baze basifakela ne-cameras ukwenzela zikhuseleke, kodwa sihlala sisexhaleni kuba indawo esikuyo esisikolo ayikhuselekanga.

"Sineminqweno yokuba zande zibeninzi kunoku, sifuna wonke umntu akwazi ukufumana izifundo ze-computer ngokwaneleyo, kwaye singavuya kakhulu ukuba kunothi kuvele inkampani enosinceda isongezele ezi-computers singavuya kakhulu," utshilo u-Ntamo

Loading ...
Loading ...