Ntombentsha Msutu

ISENZO esihle esenziwe yi-Bay TV sokunikezela ngezonka kwiintsapho ezihlala kwibala lase-NU11 emva kokutshiselwa kwazo amabobosi kwinyanga ephelileyo sishiye ezintsapho zichulumancile.

U-Sindiswa Nene, ophangelela i-Bay TV, waye wava kabuhlungu ngexa ebona abantu base-NU11 behleli phandle. Ukubona nemeko abahlala phantsi kwazo, nje ngokulala phandle mihla le kubanda, kube kukho abantwana nabantu abakhulu, kwamchukumisa u-Nene.

"Sasiye kulendawo siyokwenza ibali. Ndathi ndakubona imeko abaphila phantsi kwazo abahlali, ndabona ukuba mandenze into ngalento, noba yinto nje encinci.

"Ndaye ndathetha nomntu ongumququzeleli we-NGOs ne-NPOs oye ancede abantu ngokutya, ndamthumelela incwadi echaza lengxaki. Wabuyela kum wandichazela ukuba angakwazi ukusifunela inkxaso. Kulapho ke athe waqhagamshelana nabakwa-Sasko basinceda ngeezonka," ucacis watsho u-Nene.

Ezizonka ziye zanceda iintsapho ezingamashumi amahlanu, kwaye abantu bazivuyele ngoba ukuze batye kufuneka babase iimililo. Elibala bahlala kulo alinambane.

Omnye wabahlali abaye bafumana kwezizonka, u-Nomathamsanqa Mkuthu, uthe into eyenziwe yi-Bay TV ibenze bajongwa ngabantu ekuhlaleni.

"Siyabulela kakhulu ku Bay TV ngalomsebenzi umhle kangaka bawenzileyo, usenze sajongwa ngabantu. Ndithetha nje, noko siyakwazi nokufumana neezonka ku-Sasko.

"Kuphele iinyanga silala kwelithafa, asinabo noomatrasi abalungele ukulala phantsi. Silala esamenteni, lonto ibeka ubomi babantu emngciphekweni, siinomakhulu abagulayo ngoku abakhohlelayo, kwalapha kulendawo sihlala nabantwana abancinci.

"Singavuya kakhulu ukuba lento bayenze kuthi banokwazi uyenza nakwezinye iindawo, bangadinwa, sifuna ukuthi nangamso Bay TV," utshilo umama u-Mkutu.

Loading ...
Loading ...