Ntombentsha Msutu

ISIKOLO samabanga aphantsi i-Greewood e Central eBhayi ikunye nombutho osebenzisana nolutsha iReach For A Dream baphumeze amaphupha eqaqobana lolutsha ngokuthi bakhweliswe inqwelo-moya okokuqala ebomini.

Omnye wabo bantwana basibhozo baye bawongwa ngoluhlobo ngu-Yolanda Blouw wase-Motherwell e-NU11 nophila nesifo sentliziyo, nobesoloko ene phupha lokukhwela inqwelomoya, ukusiwa e-Boardwalk, kunye nase Bay World.

Waqala ukugula ngentliziyo esemncinci engena ephuma ezibhedlele esenza uqhaqho. I-Reach for a Dream ineminyaka engamashumi amabini anesithathu inceda abantwana abagulayo beminyaka elishumi elinesithathuukuya kwelishumi elinesibhozo ngokuthi kufezekise amaphupha wabo.

Kulenyanga igqithileyo yothando, i-Reach for a Dream ixhasene nesikolo i-Greenwood, izame ukufundisa abantwana ngothando. Kulapho igqibe ekubeni onke amabanga esisikolo aqokelele imali yokunceda abagulayo.

Ebika ngalenkquleqhu, utitshalakazi u-Jackie Barnardo uthe bebefuna ukuba abantwana bafunde ngothando "Besifuna bazi ukuba lenyanga yothando ayingeyezithandani qha, kodwa sifuna bagqithise oluthando nakwabanye abantu abaludingayo."

Kwimali eqokelelweyo bancede ukufezekisa amaphupha abantwana abasibhozo. "Ndiziva ndonwabile ngalemini yanamhlanje, ndiyabulela nakwisikolo i-Greenwood ngokundinika ithuba lokuba nam ndonwabe ngalemini yanamhlanje," utshilo u-Blouw.

Umhlohli u-Barnardo ukhuthaze ezinye izikolo ziwenze lomsebenz' omhle.

Loading ...
Loading ...