Ikhaya lethemba


UKUSWELEKELWA ngabazali esemncinci ze ashiyeke engenabani wokumnakekela, kumenze wayingelosi yasekuhlaleni, kwaye wangumntu onenkathalo ingakumbi kubantu abangathathi ntweni.


Lowo ngu-Zodwa Plaatjie othe ekunye nomyeni wake u-Siphiwo Plaatjie e-NU12, baqala i-project ebizwa nge-Sihlangule Aids Networking Organisation, eyahlula-hlulwe kahlanu.


Le-project yabo ine-creche eyi-Lukhanyiso Pre-School, kubekho iSihlangule eyi-project enegadi yasekuhlaleni ehoywe ngoomakhulu, kuphinde kubekho oomakhulu abenza iintsimbi zesixhosa, kunye nabathungayo.


"Eyona nto eyandenza ndiqale le-Project kukwazi ukuba kunjani ukuhlupheka, ngoba ndaswelekelwa ngabazali ndine ntsuku ezilishumi, ndakhula ndiyinkedama ndingenabani wondinakekela," utshilo u-Zodwa.


Lentombi yakuTsolo, e-Transkei, iye ekukhuleni kwayo yathatha umntwana kadade wayo owaswelekelwa ngabazali naye, yamkhulisa. Sithetha nje unesidanga kwi-Bcom Accounting.


"Kulapho iqale khona ke into yam yokukhathelela abantu, into yokukhulisa umntwana kadad'ethu yandi khuthaza ukuba mandenze ngako konke endinako," utshilo u-Zodwa.


Uqale nge-project yegadi, neyokwenza iintsimbi ngo-2005, zaze zalandelwa yi-creche ngo-2009.


"Nangona ndikhule ngaphandle kothando lwabazali bam, kodwa oomama aba bakhulu balapha kule-project yokuthunga bandinika uthando olwaneleyo, kwaye bayandikhuthaza," utshilo u-Zodwa.


I-Sihlangule inceda ngezinto ezininzi ezifana nabantwana ababhalisela inkxaso mali esuka kurhulumente, inceda abantu abadlwengulweyo, nabahlukunyezwayo, nangona le-organisation iye ibenawo amahlandenyuka kodwa unethemba ngekamva layo.


"Njengangoku bekunetha, ngenxa yokuba sisebenzela ebobosini liye lingenwe ngamanzi nangaphakathi, kufuneke sibajikise abantwana, kodwa lonto ayindenzi ndingawuthandi umsebenzi wam," utshilo u-Zodwa.


"Ndisebenza naphina apho ndifuneka khona, ndiyabayela nasezindlini zabo abantu. Abantu behleli nje bayandibuza ukuba kutheni ndisenza lento ndiyenzayo, ndiye ndibaxelele ukuba ndingumtu othanda kakhulu ukunceda abantu.


"Intliziyo yam iye ixole xa ndibona umntu endandikhe ndamnceda, ekhula eqhubekeka ebomini.


"Ndinomnqweno wokuba urhulumente angabona ukuba zininzi i-Organisation ezifuna ukuncedwa ingakumbi kwezi ndawo ezihluphekayo. Akunyanzelekanga ukuba ibe luncedo lwemali, kodwa nje ukutya, isuphu, impahla, zezona zinto abantu bazidingayo ukuze baphile," utshilo u-Zodwa.


subscribe