Zijolis'eNgilane iincutshe zeli

Ntombentsha Msutu


ISIBINI segqiya negqiyazana esigqwese ngomdaniso e-Motherwell, sithe gqolo ukuyijiwusiza phezulu i-flag yeli loMzantsi Afrika ngempumelelo yaso kwiminyhadala yomdaniso amazwe ehlabathi.


Aba ngu Maqocwandile Cuba (14) kunye neqabane lakhe u-Amile Sikepe (13) beqela lomdaniso iNdoni Dance Art Academy, nabaza kuntingela eNgilane kwakho ngomhla wama 21 May besiya kukhuphiswano lomdanisa olwaziwa ngele Blackpool Festival.


Apho, kwihambo yabo yesithathu kuphisano lomdaniso nonyakanje, bakube beqibisene nontanga babo abaphuma kumazwe amashumi amathathu anesithathu.


Ikhaya labo lomdaniso iNdoni Dance Art Academy yasekwa ngyThembinkosi Ndoni ngo2002.


Ethetha ngoluhambo lwesisibini, isihlandlo sesibini kulonyaka uNdoni uthe: "Ndiziva ndichulamancile ngoba siya kumela ilizwe lwethu phesheya"


Ubuye wathi: "Kambe ndivuya ndingavuyi, ngoba inkxaso egqibeleleyo asiyifumani. Sithi ukuze sihambe kufuneke khe sisokole ukufumana imali."


Isibini esi singe eBlackpool siqal'ukuzibonakalisa ikhono ngoOctober wonyaka ophelileyo ngethuba sithabatha inkxaxheba kumsitho womdaniso wehlabathi e-Paris, lwalandela kwangumyhadala ololohlobongo-February walonyaka e-Black pool, apho babuya bephume kwindawo yesibini.


U-Ndoni uthe bafunde lukhulu kuleminyhadala. "Sifunde ukuba phesheya kwezilwandle, isantyakunye namandla azifani nalapha eMzantsi, kwanendlela yokudanisela umculo" utshilo u-Ndoni.

subscribe