Yimincili yodwa e-Mboniselo

Ntombentsha Msutu


ISIKOLO samabanga aphantsi i-Mboniselo sisazigobh'amacala emva kokuphumelela ii-computers kukhuphiswano lwembaleki ebe ilungenele lo-Mhlobo Wenene olubizwa 10 km kunye ne-5km Classic Fun Run.


Esisikolo esathumela abantwana abangama- 427 kulomdyaro sifumene i-computers ezingamashumi amabini anesibini ezivela ku-Mhlobo Wenene edibene no-Vodacom, bafumana ne-Data Projector, kunye ne-Printer.


Inqununu yesisikolo u-Thembalethu Hopa akawuvali umlomo luvuyo ngomsebenzi omhle kangako owenziwe zititshala kunye nabantwana besikolo sakhe.


"Yimini emnandi kakhulu leea kuthi, ndigcwele luvuyo ngomsebenzi omhle kangaka owenziwe ngotitshala abe beququzelela lento, kunye nabazali abathe bathatha inkxaxheba yokukhupha imali ngalamhla abantwana bahamba ngawo.


"Ne-SGB nayo iyidlalile eyayo indima. Siyazidla ngalemini inkulu kangaka, ngoba iza kutsho iphucuke indlela yabantwana yokufunda, kwaye ngoku bazakutsho benze izifundo ze-Computer,"utshilo u-Hopa.


Abafundi nabo bakhe bazivavanya ezi-computers zabo zintsha bebonakalisa uvuyo.


Umfundi owenza ibanga lesihlanu u-Anela Mdolomba oneminyaka elishumi elinesibini uthe iyamvuyisa kakhulu lento yenzeke esikolweni sakhe.


"Ndiyavuya kakhulu isikolo sam sifumene i-Computers kwaye ndivuyiswa nayilento sizathi sisiya kwizikolo zamabanga aphezulu sibe sesikwazi ukusebenzisa i-Computer," utshilo u-Anela.

subscribe