Yade yafika inyweba kuye


EMVA kokulinda iminyaka emashumi mabini anesibini, ngeli ngeni; ude wayifumana indlu yakhe kurhulumente u-Vuyelwa Ntaka.


Loo ka-Ntaka uhlala e-NU1 nonyana bakhe ababini – u-Malibongwe no-Bongani.


"Ndifike e-Motherwell ngonyaka ka-1988, ndafika ndazakhela ityotyombe nje ngaye wonke umntu.


"Ndaze ngo-1990 ndahamba ndaya kubhalisa kubakhi. Emva kwexesha elide ndibhalisile, ndaqaphela ukuba andide ndakhelwe,"utshilo umam'u-Ntaka.


Kodwa uthe zange waphelelwa nga mandla u-Ntaka, ehambela zonke indawo efuna ukuqonda malunga nomcimbi wendlu.


"Ndihambile ndisiya kuzo zonke iiofisi zikamasipala, ndibhekiswa ngapha nangapha. Bade baphendula bathi imali ebe ndizokwakhelwa ngayo indlu yam yatyiwa, kodwa khange ndiphelelwe mandla," utshilo umam'uNtaka.


Lomama ugcwele yimincili sithetha nje kuba ekugqibeleni ide yakhiwa indlu yakhe.


"Ndigcwele luvuyo kuba lendlu ide yakhiwa, kuba ibisendim ndodwa ohlala ebobosini kulengingqi sihlala kuyo.


"Kwaye besiye sisokole kakhulu xa kusina ngamandla ngoba belivuza ibobosi lam kufuneke ndihambe ndicela indawo yokulala ebamelwaneni ngoba kaloku besingenakulala kulo livuza,"utshilo u-Ntaka.


Nangona ingekagqitywa ngokupheleleyo indlu yakhe, kusele indawo ezimbalwa, umam'uNtaka unethemba lokuba abakhi baza kubuya bagqibezele.


"Andisakwazi nokulinda ukungena endlini yam entsha kraca,"utshilo.


subscribe