Uyazidla ngobizo lwakhe utitshala


UNEMINYAKA engamashumi anesithandathu engutitshala, kwaye uyazingca ngomsembenzi wakhe.


U-Siphiwo Mtshingila, ongumhlali wase-NU6, ufundisa kwisikolo samabanga aphezulu iNcedo ese NU10. Ukuthanda abantwana nokwenza umahluko kwamenza akhethe ubutitshala.


"Ngo1990 ndandisenza amabanga aphezulu. Kulanyaka, ndadibanisa iqela lebhola ekhatywayo endandiliqeqesha. Lavela apho uthando lokufundisa.


"Izifundo zobutitshala ndizenze kwidyunivesiti yaseVista," utshilo.


Uthando lokubhala lwamqhuba afundise isingesi.


"Ndingumntu okuthandayo kakhulu ukubhala, kwaye ndikwanguye nomqeqeshi webhola ekhatywayo," utshilo uMtshingila.


Uthe ukutshintshwa kwendlela ekufundiswa ngayo, nokufundisa abafundi abangaqinisekanga ngekamva labo kuwenza nzima umsebenzi wakhe.


"Ngamanye amaxesha kuba nzima ukusebenzisana nabantwana, ngoba uye ufumanise ukuba abazazi ukuba bafuna ntoni ngekamva labo.


"Sifuna abazali bancedise ekukhuthazeni abantwana. Nathi singotitshala siyazama ukubakhuthaza, kodwa kuba nzima ukwenza oko ngaphandle kwenkxaso yomzali," utshilo.


"Ngamanye amaxesha ndiye ndicinezeleke, ngoba ukukorekisha imviwo kuthatha ixesha," utshilo.


Wongeze ngelithi ukuze ubengutitshala, kufuneka ubengumntu okuthandayo ukusebenza nabantwana, kwaye ube ngumzekelo ebantwaneni ngoba abanye babo baneminqweno yokuba ngootitshala nootitshalakazi ngenye imini.


subscribe