Uthando lolimo limdalel'isitiya

Ntombentsha Msutu


UNEMINYAKA engamashumi anesibhozo enesitya eyadini yakhe u-Thembinkosi Nobani, ohlala e-NU12, nto leyo wayiqala akuqapela ukuba umhlaba we-yadi yakhe mhle.


Utata Nobani, ohlala nowakwakhe nabantwana babo ababini, waqala isititya esilinywa umbona, isipinashi, kunye nemithi emikhulu yeziqhamo.


"Eyonanto yandenza ukuba ndilime apha kukuba ndikhule ndingumntu othanda ukusebenza ngomhlaba, kwaye nemali endiyisebenzelayo incinci.


"Esisitiya siyanceda ekutyeni. Siye sikhe apha egadini sipheke," utshilo utata u-Nobani.


Amatyeli amaninzi uye awusebenze umhlaba wakhe ukuze ubemhle, ngokuthi awufake umgquba owenza utyebe ukhule iziqhamo ezihle eziluhlaza.


"Isitiya siyathanda kakhulu ukuhoywa, nokunakekelwa, umntu funeka awusebenze umhlaba alime kuwo," utshilo utata u-Nobani.


Uye wanikezela nangengcebiso ezenza isitiya esihle esiluhlaza.


"Isitiya sinkcenkceshelwa kabini ngemini.


"Akhonto ibaluleke ukogqitha oko, kwaye usicoce isitiya sakho, singabinokhula.


"Izinto ozityalileyo zizokhula kakuhle zingaxinani," utshilo utata u-Nobani.


subscribe