Usomashishini ucela uncedo lwe container

Ntombentsha Msutu


UNEMINYAKA elishumi esenza ishishini lakhe lokuncamathelisa kunye nokulungisa amavili eemoto, kodwa kunanamhl'oku usokola indawo yokusebenzela.


Loo ngu-Lindile Sizani ohlala e-NU29 owaziqalela ishishini e-Ndlovu e-NU1, waze wanyanzeleka aliyeke kuba lendawo wayesebenzela kuyo yayingekho mgangathweni , kunye nokungabi namntu wokuncedisa.


"Ngamanye amaxesha ndiye ndibizwe kwinkampani ezinkulu apho ndiye ndenze imisetyenzana emincinci, kodwa kubanzima ukushiya ishishini lam, kulapho ndiye ndidige umncedisi.


"Ndingavuya kakhulu ukuba ndinokufumana indawo esemgangathweni, ngoba kaloku nale ndawo yam ayivaleki," utshilo utata u-Sizani.


Kunyaka ophelileyo, kuye kwanyanzeleka ukuba alivale ishishini lakhe, ngenxa yokuqhekezelwa, kwaze kwabiwa izixhobo zakhe zokusebenza.


"Ngekuba ndiya zithengela i-container, kodwa andinamali yokwenza oko. Ukubiwa kwezixhobo zam kundenze ndabona ukuba lendawo ndisebenzela kuyo ayikhuselekanga. Ndingavuya ukufumana icontainer,"


subscribe