Usasazo luya monwabisa

Ntombentsha Msutu


UMONDE wonakekelo nokuthanda abantwana kumenze wangomnye wabasasazi benkqubo yangemiGqibelo yabantwana eMhlobo WeneneFM u-Simnikiwe Dweni ominyaka elishumi elinesihlanu.


Ikhaya lakhe lise NU2, kwaye ungumfundi webanga lesibhozo e-Douglas Mbopha High School. Waqala ukusebenzela uMhlobo WeneneFM, ngo 2010, emva kokuchongwa phakathi kogxa bakhe abalishumi


"Ndaye ndangenela ukhuphiswano olwaqhutywa kwizikolo ngezikolo, nalapho kwahluzwa kwashiyeka abalishumi, kwathi emva koko sanikwa incwadi kwathiwa masizifunde


"Nalapho ndaye ndangomnye wabachongwayo kwisihlanu sabokugqibela de ndatsalelwa umnxeba kusithwa ndiwufumene umsebenzi. Ndaqala ngo-October," utshilo u-Dweni.


Nangona ke kwakunzima ukuqala kwakhe, kodwa lenzwakazi yazixelela ukuba iza kuqhubekeka ifunde ukuwenza umsebenzi.


"Inkqubo yam idlala qho ngemiGqibelo, yenzelwe abantwana abaminyaka esibhozo ukuya kwaba minyaka elishumi elinambini," utshilo u-Dweni.


Lenzwakazi ineminqweno yokuqhubeka nosasazo naxa sele ikhulile. "Ndifuna ukwenza izifundo ze-Mediandibe ngumsasazi owaziyo," utshilo u-Dweni.


subscribe