Ungcoliso-mathafa kubiza ukufa

Ntombentsha Msutu


UKULAHLWA kwenkunkuma emathafeni yenye yezinto ezIyingxaki e-Motherwell, kwaye abahlali abade bawuyeke lomkhuba mbi nangona bebazi ubungozi bezifo eza nazo.


Eli thafa lelinye lamathafa angcole kakhulu e-NU11, kwaye nangona liya ligcwala abantu bayaqhubeka nokulahla inkukuma kulendawo.


Abahlala kufuphi kudala bezama ukulicoca ngokunqanda abantu bangalahli nkukuma, kwa nangokutshisa amaphepha; kodwa lengxaki ayipheli.


Omnye wabahlali u-Noluthando Sonti ohlala kufuphi kwelithafa uthe iyingxaki kakhulu lento, ngoba kaloku bakwanabo abantwana abahlala nabo.


"Ivumba elisuka kulenkunkuma alinyamezeleki, kwaye kukho nendawo enamanzi amdaka. Abantwana bethu baza kungenwa zizifo, ngoba ngamanye amaxesha uye ufumanise ukuba kukho abadlala kwezindawo zimdaka.


"Siyazama singabahlali ukubagxotha abantu abalahla inkunkuma apha, kodwa abanye baye bayenze lonto ebusuku, kwaye lendawo inamanzi amdaka nto leyo etsala neengcongconi," utshilo u-Sonti.


Nangona abantu beyinikwa imigqomo ngumasipala, baye bangayikhuphi ngeezamini zibekiweyo, baze balahle emathafeni.


Omnye wabahlali bakule ndawo u-Nosakhele Yeko, wongeze ngelithi "abantu siya babongoza basebenzise iimigqomo abayinikwa ngumasipala ngoba kaloku le yokulahlwa kwenkunkuma nje naphina iyasichana thina bantu bahlala kufuphi kuyo."



subscribe