uMotshekga ubhatyazile qha

KWIVEKI ephelileyo abaphathiswa bezemfundo kumaphondo onke oMzantsi Afrika babonakalise inkxaso kumphathiswa wemfundo kwizwe lonke, u-Angie Motshekga, ngokungafuni ukuba asuswe kwisikhundla sakhe.


Emva kokuvela komba weencwadi ezingafikelelanga ezikolweni zephondo laseLimpopo, izwe lonke lajongisa amehlo kuMotshekga nokwahlulwa kwakhe kukuphatha ezemfundo.


Kwintlanganiso ye-NEC ebibanjelwe ePitoli kwimpelaveki ephelileyo, umbutho ophethe ilizwe – i-ANC – uvakalise ukudana kukubona ukuba uMotshekga wohlulakele kuku sombulula ingxaki yeencwadi eLimpopo.


Ukhuphe izwi elithi uMotshekga akakwazanga ukulungisa umba othathelwa phezulu ngumongameli u-Jacob Zuma norhulumente wakhe.


I-ANC Youth League ne-Congress of South African Students zifuna uMotshekga ehle esikhundleni, kodwa abaphathiswa bamaphondo babhokile ngelithi u-Motshekga wenza okungaphaya ukuphuhlisa ezemfundo kweli.


Akho kuphikisa ukuba zikhona izinto ezincomekayo – njengokwenyuswa kwezinga lokuphumelela ibanga leshumi – kodwa azikwazi ukugqubelela ezingalunganga kumaphondo.


Iingxaki zase-Limpopo azahlukanga kuyaphi kweze-Mpuma Koloni. Omabini la maphondo aye abekwa phantsi kweliso lesebe lemfundo kwizwe lonke kuba abaphathiswa – u-Mandla Makupula no-Dickson Masemola – neenkokheli eziphantsi kwabo bohlulwa kuphatha amaphondo abo.


Inkxaso abaphathiswa abayinike uMotshekga ibonakalisa ukungathathelwa ngqalelo ukutshabalala kwemfundo.


Ukwenza ngathi asiyiboni ingxaki esikuyo malunga nemfundo akusayi kusinceda nganto tu. Nale yaba baphathiswa yokuncoma ukunyuswa kwenani labo baphumelele ibanga leshumi ayincedi nto kuba izinga lemfundo lisezantsi.


Endaweni yokuba abasebenzi bakaMotshekga – abaphathiswa – bamthethelele, kungangcono ukuba banokudibana ngeentloko basombulule ingxaki esikuyo.


Isisombululo inga kukufuna iinkokheli ezintsha eziza kunceda ukunyusa izinga lemfundo, hayi iziphumo zodwa.


subscribe