Umbutho woluntu udinga uncediswa

Ntombentsha Msutu


ISIYAKHULA yavulelwa ukunceda abo baphuma kumakhaya ahlelelekileyo.


Iingcango zalendawo zavulwa kwiminyaka emibini eyadlulayo. ISiyakhula ijongene nemfuno zabantwana abasuka kwizixeko ezahlukileyo e-Nu9 uyokutsho eShukushukuma. Ekusekweni kwayo iSiyakhula yamkela abantwana abangamashumi amahlanu.


Ekuhambeni kwexesha inani labantwana lihlile ngenxa yamaxa anzima.


Omnye wabafundisi balendawo, u-Nondumiso Booi, uthe iSiyakhula yakhelwa abantu abasuka kumakhaya angathathi ntweni. Uphinde ngelithi bakwanalo iqela eliyinkxaso kwabo baphila nogawulayo.


U-Booi uthe: "Sathi sakubona ukuba abantwana kulengingqi abafundi, bazulazula nje ezitalatweni, sabona ingumbono omhle ukuba sivule [iSiyakhula].


"Sikwanalo leqela lenkxaso esilibiza 'Khulisa' elinabantu abagula kakhulu sisifo ugawulayo. Eliqela lidibana malanga xasesigqibile ngabantwana. Sinalo nekitshi lesuphu kweliqela lenkxaso."


Njengawo nawuphina umbutho osakhasayo ozama ukwenza umahluko ebahlalini kwingingqi ehlelelekileyo, iSiyakhula inazo iingxaki.


"Eyona ngxaki inkulu ngoku kukufumana abantu abanokusixhasa ngemali, nezinto zokutya.


"Njengabantu abanceda abantwana abasuka kumakhaya angathathi ntweni siye sifumanise ukuba kunzima ngasekutyeni, abanye babantwana baphatha ukutya okungaphelelanga.


"Ngamanye amaxesha ubone ukuba kunzima ebazalini ukhupha le-R70 siyibizayo ukuncedisana ukukhula [kwe-Siyakhula].


"Singavuya kakhulu ukuba sinofumana umntu onobangumncedi asincede noba kungesuphu sityise abantwana. Sizihambile iindawo sicela amancedo, nangoku sisalinde iimpendulo. Sesisuka nakwa-Operation Hunger bayanceda nabo apho baphumelela khona," utshilo u-Booi.


Nabanina onomdla wokunceda lombutho angatsalela umnxeba u-Nondumiso Booi ku-076-312-5912.


subscribe