Umasipala unced'ulutsha


UKUSUSA abantu abatsha abangaphangeliyo ezitalatweni ibizinjongo zikamasipala kunye nooceba baseMotherwell, ngexa besiza nephulo elanceda olu lutsha nolwenza okokuba lukwazi nokubeka isonka etafileni.


Eli cebo livele kuMasipala laze langenelelwa ngooceba bonke bengingqi yase Motherwell.


Le-project nebizwa ngele-Restoring Dignity Through Work, isungulwe ngoSeptember kwezinye iwards, izakuqhutywa kude kube ngonyaka ka 2014. Kambe eNU11 ineveki ezintathu iqalile.


Lwaye lwabizwa olulutsha ngooceba kumaholo oluntu apha eMotherwell jikelele, apho kwaye kwabanjwa intlanganiso kufunwa lonke ulutsha olungaphangeliyo


Aapho baye banyulana kuba besazana ukuba ngobani abaneminyaka bengaphangeli.


Eyonanto bayenzayo kukucoca izikolo zonke , amathafa ekulahlwa kuwo inkunkuma ngokungekho semthethweni, kwakunye ne-parks.


Omnye wabasebenzi bale-project uNombulelo Nkulwana uvakalise uvuyo nochulumanco ngeliphulo.


"Ndiyavuya kakhulu ngoba noko sithe safumana into yokubambisa, ingcono kakhulu lento siyenzayo nangona sisebenza intsuku ezisibhozo enyangeni.


"Kwaye siye sifumane umvuzwana ongephi kuyaphi (stipend. Kwalapha kuthi kukho abaye bakhethwa bayokwenza izifundo zoncedo lokuqala. Naleyo veza namathuba emisebenzi ebantwini .


"Sinomnqweno wokuba zinganda ii-Projects ezilolu hlobo ngoba baninzi abantu abangaphangeliyo apha eMotherwell, ingakumbi abantu abatsha," utshilo uNkulwana.


subscribe