Ukutya kusemhlabeni


"UKULIMA yinto endakhulela phantsi kwayo kuba no-mama wayekuthanda.”


Lawo ngamazwi ka-Nomabali Mti, oneminyaka engamashumi amathandathu ohlala e-NU1.


U-Mti uthe oko wafika e-Motherwell ngonyaka ka-1986 akazange angalimi.


"Ndilime itswele, isipinatshi, ibhatata kunye netumata.


"Isipinatshi ndiyasithengisa xa sisininzi, kodwa ndilimela ukuba sitye [silusapho],” utshilo u-Mti.


"Ndilima qho, ingakumbi ngoku ndingasebenziyo. Izinto eziluhlaza ezifunwa ngumzimba ndizifumana egadini.”


Uthe icebo lokuba ubenemifuno emihle kufuneka umane uwuphumza umhlaba.


"Xa ndingalimanga mifuno, ndilima ingca. Enye into endiyenzayo kukugcina amaxolo emifuno, ndiwafake phantsi komhlaba – ngalondlela ndenza umgquba. Emva kweminyaka emihlanu ndiguqula umhlaba ukwenzela uzokutyeba wonke.


"Kufuneka umntu angalibali ke nokunkcenkceshela.”


Nangona lenkondekazi inabantwana nabazukulwana, izilimela ngokwayo.


subscribe