Ugqwesile umfundi

Ntombentsha Msutu


UKUZIMESELA nokuzinikela kuyo yonke into oyenzayo kwenza nabanina agqwese ezifundweni zakhe.


Lawo ngamazwi aphuma ku-AmandaHobana wase NU4, obesenza ibanga lakhe leshumi kunyaka ophelileyo nothe wagqwesa bonke abantwana base Motherwell kwimviwo zokuphela konyaka.


"Ndathi ndakuzibona indlela endiqhube kakuhle ngayo mhla kuphuma iphepha, ndaziva ndonwabe kakhulu, ndinazo nendawo ezifuna uxhumaxhuma," utshilo u-Hobana.


Lentwazana nethe yagqwesa kwizifundo ze-Business studies, i-Life Orientation, kunye ne-Accounting. inenjongo zokufunda kwidyunivesthi yase-Nelson Mandela Metropolitan University (NMMU).


"Ndifuna ukuba yi-Chattered Accountant ze ukugqiba kwam izifundo, ndivule neshishini lam. Ndiyathanda nobhala, ndinayo neminqweno yokubhala incwadi ngobomi bam ngenye imini," utshilo u-Hobana.


Ukubona imeko akhulele phantsi kwayo, nendlela abantu abaphila ngayo elokishini zezinye zezinto ezimkhuthazayo ukuba asebenze nzima.


"Mna ndikhule nzima, ndikhuliswa ngumakhulu wam nothe wasishiya ngo 2011. Umama yena uhlala e-Greenbushes, utata yena andizange ndanobudlelwane naye andimazi. Ndithe ndokubona imo yasekhaya ndaqinisa kakhulu kwizifundo zam. Kuba kaloku ngenye imini ndineminqweno namaphupha okukhupha abantu basekhaya kule meko," utshilo u-Amanda.


Uye abe luncedo nasebantwaneni abafuna uncedo ngezifndo ekuhlaleni, kunye nogxa bakhe ebefunda nabo.


"Ukunceda abantu yenye yezinto endizithandayo, ngoba ngexa mna ndinceda nakum iyangena lanto ndiyifundisa lamntu.


"Ukuzinikela kuyo yonke into, enye into ethe yandinceda ezifundweni zam kukuba nementor, ebe indikhuthaza ngalo lonke ixesha.


"Ukuqala kwam ibanga leshumi, ndiye ndangena kwenye inkqubo ebizwa Vision 4 Women, apho basifundise izinto ezininzi, ezifana nokuziqalela ishishini lakho, basinceda nakwi-Accounting," utshilo u-Hobana.


Lentwazana iye yakhuthaza nabo bangaliphumelelanga ibanga leshumi baphinde bazame kwakhona.


"Ukutshona ibanga leshumi akukho phela kwelizwe, abatshonileyo ndiya bakhuthaza baphinde babuyele esikolweni ,"utshilo u-Hobana.


subscribe