Ubizo kumzi wesipolisa


NANGONA u-Dumile Gwavu wangena esipoliseni kuba abazali bakhe babengenamali yokuba aqhubeke esikolweni, uthi uyawuthanda umsebenzi wakhe.


U-Gwavu, 44, ungu-warrant officer kumapolisa ase-Motherwell, ekwasiso nesithethi samapolisa.


"Lomsebenzi undifundisa indlela yokuthetha nabantu nokwakha ubuhlobo.


"Ndingatsho ndithi eyonanto ndiyithanda kakhuku kulo msebenzi kukunceda abantu. Kumnandi xa abantu besiza neengxaki zabo ndikwazi ukubanceda,” utshilo u-Gwavu.


U-Gwavu uthe wayefuna ukuba ngugqirha wamazinyo, kodwa zange ibekhona imali yokuba aqhubeke nezifundo zakhe.


"Oko ndaphangela apha e-Motherwell ukususela ngo 1990. Ndaba lipolisa kuba kwakunqabe imisebenzi ngelaxesha. Ndandingawuthandi lomsebenzi, ndingayazi ukuba lubizo lwam.”


U-Gwavu unabantwana ababini: u-Sibonakaliso, 14, kunye no-Mvuyisi, 10.


Uthe indawo eziphantsi kweliso lakhe zisixhenxe: i-Motherwell, Swartkops, Kamvelihle, Kwazakhele, New Brighton, Kwadwesi, kunye ne-Kinkelboss


"Nangona owona msebenzi wam ikukusebenzisana nabendaba (media), ndiyabamba xa kufuneka ndibambile.”


Uthe umntu ofuna ukuba lipolisa kufuneka aziphathe kakuhle kwaye athande abantu.

subscribe