U-mhlambi weNkosi uyanda


U-XOLISILE Kondlo ubekwe ngokusesikweni nje ngomfundisi webandla lamaRoma ase-NU4 i-Pawulos Oyingcwele ngomhla we-28 kwinyanga ephelileyo.


Ubekwe ngu-Archbishop welibandla lase Kapa umfundisi u-Stephen Brislin phambi kwamakhulu-khulu abantu.


U-Kondlo uneminyaka eyi-33. Ufunde iminyaka esixhenxe ukuze abengumfundisi.


Uthe ubufundisi ubufundele e-St Francis Xavier Seminary e-Kapa.


"Ndaqala ngokwenza i-diploma kwizifundo ze-philosophy. Zathatha iminyaka emithathu,” utshilo u-Kondlo.


"Ndalandelisa ngezifundo ezithathe iminyaka emine ze-theology.”


Wongeze ngelithi imini abekwe ngayo nje ngomfundisi yeyona mini yakhe yamnandi.


"Ukuba ngumfundisi ibiliphupha lam. Khange ndilindele ukonwaba ngoluhlobo.


"Eyonanto indonwabise kakhulu yinxaso endiyifumene ebantwini.


"Abahlobo nosapho basuke kwiindawo ezifana ne-Kapa, e-Pitoli, e-Monti, e-Goli kunye nase-Oudtshoorn.


"Ibiyimini emnandi kakhulu kum. Ndibulela uThixo ngokukhetha mna ukuba ndikhokhele abantu bakhe ngoko moya.”

subscribe