U-Mavester uyaqaqamba

INDUMASI: Imvumi yase Motherwell, u-Mavester, ume nomama owuthandayo umculo wakhe Umfanekiso: SIWUNIKIWEIMVELAPHI yakhe imlolongele amaphupha wakhe. Yiyo embeke kulendawo akuyo namhlanje.
U-Lungile “Mavestar” Thulela wase NU11, ominyaka emashumi mabini anesihlanu,uqale ukucula eminyaka elishumi elinambini.
“Ndiwuqale lomculo iyinto nje yokudlala nabahlobo bam, ndaphela ndimane ndicula kwi-cypher.
“Ekuhambeni kwexesha ndabona ukuba umdla wam uyakhula emculweni, ndaphela ndizibhalela ingoma, ndisenza izingqi, namacwecwe ndafunda nokuxuba lomculo we-rap nezinye indithi zomculo,” utshilo u-Mavestar.
Ngo2007 lemvumi ibephantsi komzi wophuliso-mculo i-Koloni Productions, apho iye yakhuph’ icwecwe layo lokuqala elalinengoma ezaziwayo njengo-Amantombazane nenye ethi Itsheri Yam.
“Elicwecwe lindenze ndangu saziwayo ngoba lalidlalwa kakhulu kumaziko osasazo afana noMhlobo Wenene FM,”utshilo u-Mavester.
Lemvumi seyisuka kuba seqongeni nosaziwayo beli loMzantsi Afrika abafana no-Kabelo, u-Mzekezeke, i-Big Nuz, u-HHP kwakunye no-Pro.
“Ukuba seqongqeni nemvumi ezaziwayo yeyonanto yandenza ndaziwe. Yandikhuthaza ukuba ndiwenzisise umculo wam. Ndinyuse nezinga lawo.
“Ndiye ndaphinda ngonyaka ka-2009 ndacula kwi ’09 Summer Taste e-St Georges nabanye osaziwayo kweli lomculo u-Lvovo Dirango, no-Zakes Bantwini,”utshilo u-Mavester.
U-Mavester umatasatasa kungoku nje wenza icwecwe, kwakunye ne-video yenye yengoma ezikweli cwecwe, ebizwa Call the Cops.
“Ndigqibile ukwenza i-video ka Call the Cops, ngoku ndigqibezela ukwenza icwecwe lam.
“Ndinawo namaphupha okuba nenkampani yam. Lento ndiyenzayo andiyenzeli ukuba makuhluthe mna qha. Ndiyafuna nokuphuhlisa ezinye imvumi ezisakhasayo zalapha e-Motherwell,”utshilo.

Leave a Reply

Please keep in mind that comments are moderated according to our comment moderation policy. Your email address is required but will not be published.