Sizwe, kwanele ngempatho mbi

SIQUKUMBELA inyanga yesibini enyakeni, eyaziwa luninzi njengenyanga yothando ngenxa yosuku lweValentine.


Kodwa kulo nyaka, ousuku lothando luphawulwe yintlekele yokubulawa kwegqiyazana uReeva Steenkamp, ekuthiwa libulewe ngumfana obe lithandana nalo, ogama lakhe inguOscar Pistorius.


Abemi boMzantsi Afrika bavukele kwezindaba ngoLwesine, iveki nje emva kokudlwengulwa nokubulawa kakubi kwentwanazana yaseKapa uAnene Booysen.


Ziye zakhona nezinye iziganeko eziyelelene kwezi kwakule nyanga yothando.


Kwimpelaveki le siphuma kuyo kufunyaniswe ukuba umdlali wemiboniso bhanya-bhanya othandwayo, uRaphulana Seiphemo – owaye nguTau Mogale kuGenerations – ubanjelwe ukuphatha gadalala owakwakhe. Konke oku kuphakanyelwe ngabahlali – kwaye kungekuko okokuqala – ngelithi kwanele.


Singabemi boMzantsi Afrika simele ukuba sihlangane singoomama nootata, sikhombe amanqindi namadolo phezulu sisilwa into yokuhlukunyezwa kwabafazi nabantwana.


Oku kuqala kwasemakhaya nasezikolweni apho sikhulisa khona amadodana. Abazali nootishala mabancedisane ukukhulisa abafana abaza kuba xabisa abantu basetyhini.


Kananjalo, amantombazana afundiswe ukulazi ixabiso lawo kuba xa elazi, awangekhe ayekele umntu awaphathe kakubi.


Masiyeke ukukhulisa abantwana ngelithi umfana unegunya elingaphezulu kwelomntana oyintombazana, kuba konke oku kongeza kwingxaki esinayo sililizwe yokungaphathwa kakuhle koomama.


Imbeko iqala ifundiswe ekhaya, njengamfundiso yonke. Xa umntana eyiphose apho, akaphinde ayinqakule kwenye indawo.


Ngoku sisenethuba, abantwana besebatsha, masenze ezona nzame zokuphelisa impatho-mbi yabasetyhini.


Ayibukeki, ayisakhi kwaye isisa kwantshabalalo sililizwe.


subscribe