Sivuna esikutyalileyo kwimfundo yentsana

NDINONYANA ononyaka neenyanga ezilishumi endimlungiselela ukuya esikolweni kunyaka ozayo.


Ndithe ndakuya kusibona isikolo endimrhalelela sona, ndothuswa yindlela ootitshala baso abakuthathela phezulu ngayo ukuqaliswa kwemfundo ebantwaneni besebancinci.


Ndothuswa ingakumbi kukuva ukuba kukho uqulunqo zifundo kubafundi abaneminyaka emibini ukunyuka.


Mna ndikhule ngexesha owawusiya esikolweni udlale, imfundo engqingqwa iqala xa umntana eku-A omncinci (kuthiwa ngu-Grade R kwezintsuku).


Ngoku ndizama ukumlolonga kwasendlini unyana wam ukuba aqhele ukufunda nokubhala.


Usisi omjongayo unomnqa wale nto ndiyenza umntwana esemncikane kuba yena ubona umntu ongenamdla wokufunda.


Ndimhlalise phantsi ndathi kuye umntwana ukulungele ukufundelwa nokufunda kuba xa engena kwibanga lokuqala ukufunda kuzakuba sisiqhelo.


Kuko ke endingakukhuthaza kubo bonke abazali kukuba babafundele abantwana mihla le. Ngoku kuphuma neencwadana emaphepheni, phantsi kwephulo le Nal' ibali, ezibhalwe ngesiXhosa nange siNgesi.


Akuthathi thuba lingako, yimizuzu nje elishumi elinesihlanu uhleli nomntwana wakho umfundela. Kwabasazama ukuthetha, njengoKwandiwe wam, mana ukhomba umbuze "yintoni le?"


subscribe