Makuphuculw'imfundo

IXESHA lokubhalwa kweemviwo zebanga leshumi lifikile kwaye abafundi baphantsi phezulu bezama ukuqinisekisa ukuba amagama abo ayavela kwiphephandaba kumnyaka ozayo.


Nangona bekhona, kwaye bebaninzi abaza kuphumelela, ixhala lelokuba umgangatho weziphumo wehlile.


Kunyaka ophelileyo, sambona umphathiswa wezemfundo ezweni, uAngie Motshekga, ezidla kokunyuka kwenani ekhulwini labafundi abaphumelele ibanga leshumi xa kuthelekiswa nonyaka ongaphambili.


Iinzululwazi kwezemfundo zihlala zikhala ngomgangatho wempumelelo, babe abo baphethe imfundo bexhalatyiswa kukuphumelela kwabafundi kwi "subjects" ezingenakuliphuhlisa ilizwe ngokufanelekileyo.


Umphathi mfundo eBhayi, ugqirha Nyathi Ntsiko, uthi bengabafundisi ntsapho banexhala lokuba abafundi baye bezishiya izibalo, bebhenela kwizibalo ezilula i-Mathematics Literacy.


Oku, uNtsiko uthi kuyingxaki kwezoqoqosho kuba uMzantsi Afrika udinga abantu abenza izibalo ezingqingqwa ('real' Maths) kunabo benza i-Maths Literacy. "Kumele ukuba bama-60 ekhulwini abenza i-Maths, babe bema-40 ekhulwini abenza i-Maths Lit," utshilo uNtsiko.


"Kodwa sithetha nje, elo nani ligqwethekile. Oko kubonakalisa ukufuna undlela lula wokuphumelela ibanga leshumi kubafundi, ingakumbi kwizikolo eziselokishini."


Xa sijonga iziphumo zeemviwo ngeyoMqungu wonyaka ozayo, ndiyathemba ukuba kunge kungajongwa kakhulu kwinani labaphumeleleyo, koko iliso elimandla libe kumgangatho wempumelelo.


Kwaye kungaphelelwa apho, koko kubekwe phambili iindlela ekuno kuzanywa ngazo ukuphucula umgangatho wemfundo kweli.


Ukuze sikwazi ukukhuphisana namanye amazwe, kufuneka sinyuse izinga lemfundo. Ithemba ke silibeka kwabo basikhokelayo ukuba minazana ithile bayakuze bayithathele ingqalelo imfundo njengoko besenza ekonyulweni kweenkokheli zezikhundla eziphakamileyo.


Kwanele ngokuva iinkokheli zisithi zizakwenza ezemfundo zibe kumgangatho ophezulu. Eli lithuba ngoku lokuba siyibone lo nto.


subscribe