Linenkqubela iqela lekarate

Ntombentsha Msutu

UKUVULA i-club ye-karate yayingumbono ka Sen sei Nana Nobuntu Sijovu wase NU 13 mhla esuka eTinarha esiza zuhlala apha e-Motherwell.


Ukuqala kwakhe le-club nebizwa nge-Kofu Kan ezona njngo zakhe yayi kukususa abantwana ezitalatweni.


"I-Karate sesona sport ndisithandayo. Nndasiqala ndineminyaka elishumi elinesibini, ndisahlala e-Tinarha, ndaze ndathi ndakufika apha e-Motherwell ngo 2000, ndaziqalela lombutho, ngokubona ukuba abantwana bathe saa ezitalatweni.


"Nabanina uyazi ukuba xa abantwana besesitalatweni bengena nto yokwenza, baye bazibandakanye kwizinto ezingezizo, ezifana neziyobisi. Ndavula le-club ndinabantwana abalishumi elinesihlanu, ndithetha nje ngoku sinabantwana abangashumi amane," utshilo u-Sijovu.


Le-club inabantwana abangamantombi namakhwenkwe, ukuqala kwiminyaka esixhenkxe de kwiminyaka engamashumi amabini.


"Senza zonke indidi zekarate, ezifana ne-Self defence, ne-katas. Sebesuka nokungenela ukhuphiswano e-Tinarha, elona khuphiswano likhulu abasuka kulingenela ilelalibanjelwe e-Durban kunyaka ophelileyo," utshilo u-Sijovu.


Njengawo nawuphi na umbutho oqalwe elokishini, ziye zibekhona ingxaki abaye bahlangabezane nazo. "Okwangoku eyona ngxaki iphambili yimali, ngoba neholo eli silisebenzisayo siyalibhatala ngokweyure esizisebenzisilweyo sikulo.


"Kunzima mpela ukufumana inkxaso esuka kumasipala. Singavuya kakhulu ukuba sinokuba namanye amalungu. Nabanina ofuna ukuba yingxenye yalombutho angeza eholweni lase NU13. Siyazilolonga qho ngentsimbi yesine ukuqala ngoMvulo uyokutsho ngolweSine," utshilo u-Sijovu.


subscribe