Lafezeka iphupha lakhe

UKUQALA kwakhe ukophuka wayenonyaka omnye qha, waze wathi xa eneminyaka emihlanu abazali bakhe bafumanisa ukuba unesifo samathambo ophuka msinya.


Lo nguAlulutho Mgoduka ominyaka esithoba nowafunyaniswa ngoogqirha enesifo samathambo ophuka msinya.


Esisifo sithanda ukufumaneka ebantwini abadala. Sibizwa ibrittle bones (amathambo ankenenkene).


Umama wakhe, uNcumisa Mgoduka, uthi ukuqala kwabo ukuqaphela ukuba unengxaki, wophuka enonyaka omnye.


"Ukuqala kwakhe ukophuka wayenonyaka omnye qha, wophuka ngasesinqeni samsa esibhedlele eLivingstone.


"Kwathi esandokubuya esibhedlela ngexa simhlalisa phantsi wophuka umlenze, saphinda sambuyisela esibhedlele apho kwafumaniseka ukuba uzakulaliswa okwexeshana.


"Kulapho saye saqaphela khona notatakhe ukuba ikhona into engalunganga ngomntwana wethu.


"Sabona ukuba masi bene-medical aid, ngokuba ingathi sizakuba ngabantu abaquqa koogqirha," utshilo uMgoduka.


Ugqirha wakhe wathi wobachazela abazali bakhe ukuba uzakumfaka kwi-Reach for a Dream, enceda abantwana abanezifo ngezifo, ifezekisa amaphupha abo.


Bazivuyela kakhulu ezondaba, sithetha nje basuka eGoli, apho bebeyokubona umdlali wodumo wemifanekiso- bhanyabhanya uLeon Schuster.


Oluhambo laluququzelelwe yiReach for a Dream. Olusapho lwaluqala ukukhwela inqwelo moya.


"Besonwabile, siye sagqitha eSABC, apho siye saya nankwinkqubo iMorning Live. Sibulela kuReach for a Dream," utshilo uMgoduka.


subscribe