Izitiya ezondla uluntu


"UKULIMA kubaluleke kakhulu ingakumbi kulemihla siphila kuyo ekukho izifo ezininzi [nendlala].”


Lawo ngamazwi ka Nomonde Ntsundwana obengomnye wababini kwiMpuma Koloni obetyunjwe kwi Shoprite Checkers Women of the Year.


U-Ntsundwana – ominyaka emashumi amane anesixhenxe – uhlala e-NU6 nabantwana bakhe ababini. Uthi waqala isitiya kwisikolo samabanga aphantsi i-Canzibe ngonyaka ka-2005 apho wayefundisa khona. Uthe akutshintsha izikolo wafika waqala isitiya nakwisikolo samabanga aphantsi i-Seyise; Kwazakhele kunyaka ophelileyo.


"Ngokuya ndandiqala isitiya ndandi ngajonganga ngeniso okanye umsebenzi wam uqhatshelwe. Ndandi ngaqondi ukuba yinto enkulu le,” utshilo u-Ntsundwana.


"Eyonanto ndandiyifuna kukuba abantwana bayazi ukuba iziqhamo zisuka phi, kuba bazibona sele zise zivenkileni.”


Nangona engaphumelelanga uthe ukuba ngomnye wabantu abathe batyunjwa kwanele.


"Ndonwabe kakhulu kwaye ndonele yinkxaso endiyifumeneyo.


"Nesebe lezemfundo kunye nabanye ootitshala bebesemva kwam bendivotela. Andiziva ingathi andiphumelelanga tu.


"Ndikholelwa ukuba ndikhuthaze nabanye ootitshala kwiphondo liphela.”


Izityalo ezivunwa kwisitiya sakhe e-Canzibe zondla izikolo ezilishumi, ii-NGO ezimbini kunye neecawe ezimbini. Ngo-2008 u-Ntsundwana waqala i-Orange-fleshed Sweet Potato Nursery.


Kunyaka ophelileyo siphinde isitiya sakhe e-Canzibe sase sinye kwezintandathu ebezikhethwe yi-Total Petroleum kunye ne- Oil Company kwiphulo labo lokukhusela indalo(environment).


Kwakunyaka ophelileyo uwongwe ngembasa ye-Kudu esuka kwa-South African National Parks kwicandelo lomntu okhulisa indalo.


Ukwanayo nenkqubo yosasazo kwi-Nkqubela FM qho ngeLwesine ukusukela ngentsimbi yesihlanu ukuya kweyesithandathu malanga.


"Ibizwa Ufundo Ngezolimo apho ndicebisa khona abaphulaphuli ngeendlela zokulima, nokuba kufuneka balime ntoni ngaliphi ixesha kwaye baziphathe njani.


"Iinjongo zam kukuba abantu, ingakumbi ulutsha, bazi ukuba zisuka phi iziqhamo,” utshilo u-Ntsundwana ozingcayo ngamava nolwazi analo malunga nezolimo zityalo.

subscribe